ICity Lads Ladies isebenzela iTop 8 kwiSuper League!

Iqela lebhola ekhatywayo lamantombazana, iCity Lads Ladies. Umfanekiso: Facebook

Iqela lebhola ekhatywayo lamanenekazi elizinze eGqeberha, iCity Lads Ladies, lithi lifuna ukwenza ngcono kakhulu kule sizini entsha kunaleyo igqithileyo. Oku kuthethwe sisikhulu seqela, uSinentlahla Nxawe, emva kokuvula kwesizini yeHollywoodbets Super League kwiveki ephelileyo. Injongo yeCity Lads ihambelana nendlela eqhube ngayo emdlalweni wokuvula isizini entsha. Emdlalweni wokuqala, iCity Lads ibethe iTS Galaxy entsha emdlalweni weHollywoodbets Super League ngegowuli elinye eqandeni eGqeberha. “Isicwangciso sethu kukuvala isizini kwiTop 8 kule sizini,” utshilo umphathi ethetha emva kokuphumelela umdlalo wokuqala.

“Sesithethile nabaqeqeshi, abadlali nabaphathi bonke beqela ngalo nto. Sifuna ukubalwa phakathi kwamaqela aphambili kwiHollywoodbets Super League. Into esiyifunayo kukuqinisekisa ukuba siphuhlisa italente yabantwana baseGqeberha.,” utshilo uNxawe. Izinto khange ziyihambele kakuhle iCity Lads kwisizini yayo yokuqala kwinqanaba eliphezulu kwibhola ekhatywayo yamanenekazi eMzantsi Afrika – kodwa okubalulekileyo kukuba iye yalwa yade yasuka kumaqela abesemsileni kwiHollywoodbets Super League kunyaka ophelileyo.

Elinye iqela laseMpuma Koloni, iThunderbierds Ladies ibambene neJVW FC ngegowuli elinye macala. Omabini la maqela amele iphondo leMpuma Koloni – kodwa into afana ngayo kukuswela inkxasoo engawancedisa akwazi ukuba phakathi kwamaqela amakhulu kwiSuper League. Ukuswela kwawo kuchaphazela indlela aqhuba ngayo ebaleni futhi iya kuba ngumsebenzi onzima ukugcina abadlali abaqaqambileyo kungekho nkxaso.

Omabini amaqela aseMpuma Koloni aza kuya emidlalweni elandelayo efuna ukulwela amanqaku amathathu ukuze angazibhaqi sele edengxakini ekupheleni kwesizini. Ngoku iCity Lads iya kudibana ne-University of Pretoria ngomhla wamashumi amabini anesihlanu. Kodwa yona iThunderbirds iza kuqubisana neDurban Ladies FC emalanga ngeCawe kwibala eliseMonti. Liza kube likhangela impumelelo yokuqala iqela laseGcuwa xa lisamkela amantombazana waseThekwini.