ICongo iguqise phantsi iMorocco kwi-Afcon

Abadlali beDR Congo bevuyela igowuli. Umfanekiso: BackpagePix

Igowuli elifakwe nguJunior Kabananga linike impumelelo iDR Congo impumelelo emva kokubetha iMorocco ngo’1-0 kumdlalo kaGroup C obufudumele eStade d’Oyem ebusuku namhlanje. Kuye kwanyanzeleka abadlali beCongo banyuse umxakatho emva kokukhutshwa komdlali wayo ngekhadi elibomvu kwisiqingatha sesibini. Ezi ziziphumo ebezingalindelekanga ngoba iMorocco iqhele ukuyongamela iCongo amaxesha amaninzi. Ngoku iDR Congo ihleli phezulu kuGroup C emva kokuba iTogo ne-Ivory Coast zidlale ntanganye kumdlalo kaGroup C wokuqala namhlanje.

Ngokwasemdlalweni yiMorocco ebilawula umdlalo – kodwa abadlali beCongo baye kwi-Afcon bezilungiselele ngokupheleleyo. Ilwe kwade kwasekugqibeleni, ngoku kufuneka iCongo ilwe ngamandla kwimidlalo emibini ezayo.

Iintshatsheli ezikhuselayo ze-Afrika, i-Ivory Coast, azikwazanga kwaphela ukubetha iTogo kumdlalo wokuqala kaGroup ngokuhlwa kwanamhlanje eStade d’Oyem. Ukungabikho kwabadlali abafana noYaya Toure, odlalela iManchester City yaseNgilane, becaca kwi-Ivory Coast edlale umdlalo odikidiki. Isitshovutshovu seTogo esaziwayo u-Emmanuel Adebayor uzamile ukulidibanisa iqela laseTogo nangona bekubonakala ukuba umdlalo wabo awude udibane ncam.

USalomon Kalou, oyena mdlali othe qabavu kwi-Ivory Coast, udlale kakuhle nabadlali abafana no-Adebayor noJonathan Kodjia xa kuhlaselwa – kodwa ukufaka ibhola emnatheni ibe yinto enzima kakhulu. Nangona umdlalo ububambene – kodwa imingqandandana yamathuba acacileyo yokufaka amagowuli ibikhona. Njengokuba umdlalo uphele ngo’0-0, kunyanzelekile omabini la maqela ayiphumelele imidlaloezayo ukuze akwazi ukuya kumjikelo olandelayo we-Afcon.