Umbutho olawula iCricket kweli loMzantsi Afrika iCricket South Afrika, ububambe amawonga ityeli lesibhozo ngokubambisene noKFC. La mawonga abanjelwa ukuhlonipha abadlali abangahlawulwayo, nabaselula beqakamba.
La mawonga enzelwe ukubhiyozela italente esakhulayo yeqakamba kweli loMzantsi Afrika, nokusasaza iqakamba njengomdlali weentshatsheli okwenene.
Ikapteni yoMzantsi Afrika kwabaminyaka ingaphantsi kweshumi elinethoba uWiaan Mulder uhambe namawonga amaninzi osuku. Amawonga ahambe nawo ngala: umdlalo wonyaka weCoca Cola * -19, umdlali wonyaka wesizolo kwiCoca Cola T20 wafumana newonga lomdlali ohambe phambili, kwitumente yeCoca Cola Khaya Majola. Lo mdlali uneminyaka ilishumi elinesobhozo, ubonwa ukuba uzakuba nekamva kwiiProteas. UMulder uthi liwonga kuye ukuba athathelwe ingqalelo ngendlela enkulu ngolu hlobo.
“Lo ibingunyaka onamahla ndenyuka kum. Ukuqalela ekuyeni kwindebe yehlabathi ndabuya ngaphandle kwempumelelo, ndabekwa njengekapteni yoMzantsi Afrika kwiqela ebelisiya eSri Lanka. Namhlanje ndifumene le nqwaba yamawonga. U-2016 ngunyaka endingasokuze ndiwulibale. Ndiwongekile kakhulu kwaye ndisikelelekile, kubo bonke abaqeqeshi bam neCSA ngokufaka ithemba labo kum ndiyabulela, kwaye ndingxamele ukuba kuqale isizini yonyaka ozayo,” utshilo uMulder. Amanye amawonga abalulekileyo aphunyelelwe nguMarrie Lube, nowayengumdlali ogibiselayo kwiProteas uHenry Williams. Bafumene iwonga njengabaqeqeshi ababalaseleyo kwiKFC Mini-Cricket.
Isekela mongameli leCSA uPeter Cyster uthe: “Andinakugxininisa ngakumbi ukubaluleka kweenkqubo zethu zokukhulisa obadlali. Ziyancedisa kakhulu ukukhulisa abadlali ukuba balungele ukudlalela amaqela amakhulu.”
Kubanjwe abathathu ngezityholo zokuxhwila nokuqweqwedisa