Idabi laseKapa liphunyelelwe yiCape Town City

UBhongolwethu Jayiya noogxa bakhe bevuyela igowuli. Umfanekiso: BackpagePix

Usihlalo weCape Town City, uJohn Comitis, akakwazanga ukuzibamba ngenxa yovuyo emva kokuba iqela lakhe liphumelele umdlalo wokuqala obuphakathi kwamaqela aseKapa adlala kwi-Absa Premier Soccer League.

ICape Town City ibethe i-Ajax Cape Town ngo’1-0 kumdlalo wePSL obutshisa bhe eCape Town Stadium ngobusuku banamhlanje.

Amakhwenkwe ka-Eric Tinkler, njengoko ebedlalela ekhaya, atsazise igazi kuqala ngebhola ebekwe emnatheni sisiququ esidlala esiswini, uBhongolwethu Jayiya, kwisiqingatha sokuqala somdlalo. Khange iziyekele nayo i-Ajax. UBantu Mzwakali uzamile ukunkqonkqoza kwiimpondo zeCTC – kodwa ufike uShu-Aib Walters ehle ethe qwa ezipalini zakhe.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla iCape Town City ihamba phambili ngo’1-0. Isigaba sesibini somdlalo siqale ngezinga eliphezulu, omabini la maqela aseKapa abuye ekhefini kubonakala ukuba azingela amanqaku apheleleyo.

Ngabadlali beCTC abafumene amathuba acacileyo kwimizuzu yokuqala kwisigaba sesibini – kodwa amava kaRivaldo Coetzee phaya emva ayisebenzele i-Ajx Cape Town ngoba ukwazile ukuzinqanda iibhola zabadlali abafana noLebogang Manyama, Aubrey Mngoma noJayiya ebekubonakala ukuba bafuna igowuli lesibini.

URoger de Sa ufake uMark Mayambela ofike washukumisa esiswini futhi wancedisa i-Ajax xa ihlasela. Amathuba awafumeneyo uNathan Paulse akakwazanga ukuwasebenzisa kakuhle kulo mdlalo.

Iqela eliphumeleleyo lifanelwe yimpumelelo yanamhlanje ngoba liwenze kakuhle umsebenzi walo kwaye bekumelukuba lifumene ipenela kwimizuzu yokugqibela yomdlalo – kodwa usompempe ukhethe ukuyimumatha impempe.

Nayo i-Ajax Cape Town ibinawo amathuba okufumana igowuli lokulinganisa futhi nelokuphumelela – kodwa ngelishwa layo izinto aziyihambelanga kakuhle.

Cape Town City: Walters, Kobola, Mokeke, Gumede, Seedat, Matsi, Manyama, Mashikinya, Jayiya, Ngoma, Moseamedi

Amalalela: Motloung, Rode, Sim, Adonis, Putsche, Masina, Majoro

Ajax Cape Town: Petersen, Mabaso, Coetzee, Lartey, Lebusa, Losper, Graham, Isaacs, Mosadi, Mzwakali, Paulse

Amalalela: February, Chipeta, Mdabuka, Nxumalo, Mokoena, Lupeta, Mayambela