Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uNasreddine Nabi, uyalivuyela ithuba alifumaneyo lokuthatha inxaxheba kwidabi laseSoweto. Lo mqeqeshi waseTunisia ngokuzalwa uvakalise oku ngethuba encokola namajelo eendaba phambi komdlalo omkhulu weBetway Premiership oza kube uphakathi kwe’Orlando Pirates neChiefs emalanga ngentsimbi yesithathu ngoMgqibelo.
Ukusukela oko efikile kwiChiefs kunyaka ophelileyo, uza kuqeqesha okokuqala emdlalweni okudibene kuwo la maqela mabini. Umdlalo weChiefs nePirates ngowona mkhulu eMzantsi Afrika ngaphezulu kunayo yonke imidlalo ngoba sube kudibene awona maqela anabalandeli abaninzi kakhulu. Ngaphezulu koko, ngumdlalo othi uvelise abadlali abangamaqhawe nabathi banceda amaqela aphumeze iinjongo zawo zesizini.
UNabi uqhelene nemidlalo emikhulu ngoba ebekhe wakhona emidlalo yeSimba SC neYoung Africans ngethuba engumqeqeshi eTanzania. Kodwa idabi laseMzantsi Afrika lahlukile kunamanye. “Enyaniswe, kokokuqala ndiza kuqeqesha kwidabi elikhulu eMzantsi Afrika. Bendisoloko ndililandela ndikude. Kuhle ngoku ngoba ndifumene ithuba lokuthatha inxaxheba kulo.
“Abadlali nabaqeqeshi bachwayitile kukufika kwalo mdlalo,” utshilo uNabi obesikwe imidlalo emibini yonke ngenxa yekhadi elibomvu awalifumanayo. “Imbali yedabi laseSoweto siyiqonda kakuhle. Sendikhe ndangena kwamanye amadabi alapha e’Afrika – kodwa ndibona eli njengelona likhulu kwiAfrika yonke,” utshilo uNabi.
Emva kokuba Amakhosi efumene abadlali abatsha ekuqaleni kwale veki, akukacaci nokuba umqeqeshi uza kubasebenzisa na. UNabi unabo abadlali angalwa ngabo emdlalweni – kodwa uya eqhwalela ngoba iifolosi zakhe ezifana noWandile Duba no-Ashley Du Preez azikho ngenxa yokonzakala.
Uza kuthembela ngoRanga Chivaviro nakubeni engavani nabalandeli beChiefs abamhewulayo xa ephosa amathuba ebaleni. Amakhosi ahleli kwindawo yesihlanu kwiBetway Premiership.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro