Idabi likaRulani noRamovic abathiyeneyo lisiwe enkundleni yiTS Galaxy!

Emva kodushe olwenzeke ekupheleni komdlalo, uRulani Mokwena uthe akafuni ukuthetha kakhulu ngokwenzekile – kodwa wathi uya kudibana noSead Ramovic neTS Galaxy enkundleni. Umdlalo weDStv Premiership otake iintlantsi izolo phakathi kweTS Galaxy neMamelodi Sundowns uphele ebambene ngegowuli elinye macala. Noxa iGalaxy iphantse yaphumelela emva kokudlala bhetele – kodwa iSundowns ilwile yakhusela isidima sayo. Phambi komdlalo, iTS Galaxy imangalele uMokwena ngesityholo awasenza kwiinyanga ezigqithileyo. Kuthiwa uMokwena wathi uRamovic wakhuthaza abadlali bakhe ukuba bakhabe uZungu owaphuma emdlalweni onzakele.

Lo nto isukela kwisiganeko esenzeka eMbombela Stadium – apho uZungu wophula umlenze kaBernard Parker akabonakala njengomntu ozisolayo. Noxa kuthiwa uZungu waxolisa ngomyalezo owathunyelwa ngo-Instagram – kodwa kuyacaca ukuba kwanda ubutshaba phakathi kwala maqela amabini. Zange awarhoxise amazwi wakhe uRulani njengoko wayeyalelwe. Yiyo le nto iTS Galaxy isiya enkundleni. URulani khange afune ukuthetha ngento emlwisa nomqeqeshi weTS Galaxy. Umhla wetyala enkundleni awukaziwa – kodwa kulapho uRulani aza kunyanzelwa ukuba axele inyaniso.

“Andifuni ukuthetha kakhulu ngemidlalo efana nalo. Mna andizelanga izinto ezinje ebholeni ekhatywayo,” utshilo uRulani ozamileyo ukuzibamba ngethuba lomdlalo. “Masidibane enkundleni,” utshilo umqeqeshi weSundowns emva komdlalo ehlangulwe kuwo nguPeter Shalulile sekuphela umdlalo. “Bekufanele ukuba sifumene ipenela kwisigaba sokuqala somdlalo. Sohlwaywe kakhulu emdlalweni. UMarcelo Allende unyathelwe esandleni – kodwa wanikwa ikhadi elityheli. Bafake igowuli bakugqiba bazokuvuyela kuthi – yonke lo nto isenzelwa esigezweni,” utshilo uMokwena.

“Andizithandi izinto ezinje ngoba ndiyayithanda ibhola ngoba yakha ubuhlobo, ngaphezulu idibanisa abantu. Ukudlala neTS Galaxy kuyingxaki ngoba kuyangcungcuthekisa. Andiyonwabeli lo nto. Andifuni ukuthetha ngokundimangalela kwayo iTS Galaxy. Masidibane enkundleni. Andizikhathazi ngayo iTS Galaxy. Ndizihlupha ngeSundowns ngoba indiqashile. Ndiyazingca ngomsebenzi owenziwe ngabadlali bam. Bekunzima – kodwa balwilwe babonisa ukuba abakufuni ukubethwa. Yeyona nto endithanda ukuhamba nayo apha eMbombela,” uvale ngaloo mazwi uRulani.