Ibali likamabonakude ekuthiwa yiPulse of a Nation lifike lawuthimba umdla wabalandeli bebhola nabantu baseMzantsi Afrika ukusukela ngomhla wesibhozo kwinyanga yoMsintsi. Oku kubangelwe libali elimnandi futhi eliyinyaniso elisemgangathweni ophezulu elididiyelwe lijelo losasazo eliphambili eMzantsi Afrika, uSuperSport. Ibali lingembali yebhola ekhatywayo nabadlali bayo ukusukela ekusungulweni kwayo ngeminyaka yoo1930 ngemihla yobandlululo eMzantsi Afrika. Ngaloo minyaka, abantu abamhlophe babedlala bodwa, abamnyama namakhaladi babedlala bodwa kwelinye icala.
Ingena nzulu iPulse of a Nation kwiziganeko zonke ezenzeke ebholeni ekhatywayo (ezimnandi nezimbi) kwaye igqamisa bonke abenze indima ebalulekileyo ekuphuhleni kwayo. Zininzi izinto eziguqukileyo ukusukela ngeminyaka yoo1934 ukuya koo70 – ekwabakho iziganeko ezenzeka kwi-Orlando Pirates ezakhokelela ekusekweni kweqela elifana neKaizer Chiefs eyafika yabhala iincwadi zembali ngokutsha ebholeni ekhatywayo. Kuninzi kakhulu okubhecwayo, ingakumbi emva kukuba uMzantsi Afrika uzuze inkululeko.
Umbali omdala webhola ekhatywayo, uThomas Kwenaite, okwangumsasazi weSuperSport TV, uyichaza ibhola ekhatywayo yakudala njengeyayinika umdla kakhulu ngoba abadlali bakudala babesazi into enye: ukuba kwakufuneka bonwabise abantu rhoqo xa bengena emabaleni ayegcwala aphuphume. Kwimbali yebhola ekhatywayo yakudala kukho abantu ababephambili abafana noGeorge Thabe – owayephakathi kwabantu abaseka iNational Professional Soccer League (NPSL) neSouth African National Football Association (SANFA). Zaguquka kodwa izinto kwangena ikhaba elitsha lineembono ezintsha.
Loo madoda nguGqirha Kaizer Motaung oyidlalileyo ibhola ngeentsuku zakhe – kodwa waphinda wabambisana noGqirha Irvin Khoza ekukhuliseni ibhola ekhatywayo (besebenzisa iChiefs nePirates) nasekusekweni kwePremier Soccer League etsale utyalomani lweebhiliyoni zerandi oluguqule ubomi babadlali, ngakumbi abamnyama. Phakathi kwababalisa imbali yebhola emdlalweni kamabonakude kukho amagqala ebhola ekhatywayo aquka uDuncan Crowie owayedlalela iSantos yaseKapa, uShakes Mashaba, uMotaung, uKhoza noMarks Maponyane owadlalela iChiefs nePirates ngeentsuku zakhe zobutsha.
Abanye abantu abaziwayo abayinxalenye yebali likaSuperSport lokuqala elidandalazisa amahlandenyuka ebhola ekhatywayo kukho uSello Maake kaNcube owaziwa kakhulu emabalini noPutco Mafani owazibalula kwiChiefs nakwezosasazo. Ubalisa ibali uSuperSport efanele ngoba imali ayityalileyo ebholeni yenze umahluko omkhulu futhi ongasoze ucime ezingqondweni zabalandeli bebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika. Ibali elithi “Pulse of a Nation” eligqamisa abadlali, amaqela neziganeko ezifana nokusweleka kwabantu, lisasazwa ngentsimbi yesibhozo ebusuku rhoqo ngeCawe, kwiDStv Channel 202.
UNasreddine Nabi uthi uyayazi into efunwa ngabalandeli beKaizer Chiefs!