Ide yaphumelela iMaritzburg United emva kokusokola ixesha elide

Thabiso Kutumela of Maritzburg United during the Nedbank Cup Last 32 match between Sitbank Spurs and Maritzburg United 27 January 2019 at Puma Rugby Stadium Pic Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Emva kwexesha
elide isokola, iMaritzburg United ide yafumana impumelelo yayo yokuqala kulo
nyaka ekhaya. ITeam of Choice ivuthulule iPolokwane City ebileqa izithunzi ngamagowuli
amathathu kwelinye (3-1) emdlalweni we-Absa Premier Soccer League obudlalelwa
eHarry Gwala ebusuku namhlanje. Amagowuli amabini weMaritzburg United afakwe
yifolosi uThabiso Kutumela, laze elesithathu lafakwa nguMohau Mokate. Elokubika
ekhaya leCity lifakwe nguCharlton Mashumba – kodwa okubi kukuba ayikwazanga  ukongeza amanye amagowuli kwade kwaphela
ixesha lomdlalo. Impumelelo ifike ngexesha elilungileyo nakubeni iTeam of
Choice ingekaphumi engxakini.

Amakhwenkwe
ka-Eric Tinkler awulawule zisuka umdlalo – kodwa ke mhlawumbi, lo ntoyenziwe
kukuba ebedlalela ebaleni lawo naphambi kwabalandeli awo. Njengokuba
iMaritzburg United iye kwixesha lokuphumla inkqenkqeza phambi – abadlali bayo,
ngakumbi uKutumela, babuye benamandla futhi kucaca ukuba bafuna ukuyicishilela
ingabisavuka iPolokwane
City
engakwazanga
ukudlala umdlalo wayo wesiqhelo eMgungundlovu ebusuku namhlanje. Amathuba
wokongeza amagowuli ebekhona nakwiTeam of Choice, ntonayo abadlali bebekhaba
iibhola eziphuma emacaleni. Inamanqaku alishumi elinesine iMaritzburg – ishuywa
yiFree State Stars neChippa United ngamanqaku amabini kuphela.

Maritzburg
United:
 Ofori, Kunene, Xulu, De Reuck, Onyango, Makaringe, Timm, Kutumela
(Kutumela), Ndlovu, Mokate (Moseamedi), Shandu.

Amalalela: Mpandle, Allie, Matsi. Zakri. Figareido, Moseamedi, Mekoa.

Polokwane CityChigova,
Mbonani, Nkili, Phiri, Kalake (Musona), Hlongwane, J. Maluleke, W.Maluleke
(Mashumba), Seabi, Anas, Booi.

Amalalela: Phali, Wagaba, Mphambaniso, Sikhosana, Musona, Baloyi, Mashumba.