IDenmark incedwe nguPoulsen noSchmeichel kunzima eSaransk Stadium

UYussuf Yurary Poulsen ufake igowuli lempumelelo leDenmark ephumelele ngo'1-0 ibetha iPeru kumdlalo obuseSaransk Stadium. Umfanekiso: FIFA World Cup Facebook

Ngaphandle
kwamathandabuzo iintliziyo zabadlali nabalandeli bePeru zichontsiza igazi emva
kokuphulukana nomdlalo wokuqala kwindebe yehlabathi ngale ntlwa. IDenmark iphumelele
umdlalo wayo wokuqala ngokubetha iPeru edlale umdlalo ophucuke kakhulu ngo’1-0
eSaransk Stadium, eRussia, kumdlalo wesibini kaGroup C namhlanje. Nakubeni
umdlalo ungavelisanga amagowulo amaninzi – kodwa uphakathi kwalo midlalo
esemgangathweni ophezulu kule ndebe yehlabathi. Izinto zijike kumzuzu wamashumi
amahlanu anesibhozo ngethuba uYussuf Yurary Poulsen efaka igowuli lokubika emva
kwexesha elide ibanjiwe yiPeru ebiwulawula umdlalo. Indlela ewusingathe ngayo
umdlalo nePeru ebiphutshuluka macala onke, kuye kwacaca ukuba iDenmark isenayo
intlantsi yamava kwinqanaba lehlabathi nakubeni ikhe yanqaba kwezinye iitumente
zehlabathi.

Image may contain: one or more people, people playing sports and outdoor

Unozinti,
uKasper Schmeichel, ngoyena mdlali oyisindesileyo iDenmark izihlandlo ezininzi.
Le ndedeba izibalule kakhulu phambi kwehlabathi ngethuba ithintela ipenela
ebifunyenwe yiPeru eqatyeliswe phezu kwepali ngumdlali wayo. Lelinye lamathuba ewakhalelayo
iPeru emva komdlalo wanamhlanje ngoba igowuli ngeliwutshintshile umdlalo
ngaphandle kwamathandabuzo. Okuye kwabonakala emdlalweni kukuba abadlali bePeru
abanawo amava kwiitumente ezinkulu njengale. Kodwa ukuba bazimisele –
kunokwenzeka bothuse umzi kwimidlalo elandelayo. Into ekumele bayifunde kule
midlalo kukusebenzisa amathuba kangangoko xa evele emdlalweni.

Emva kwemidlalo
emibini kuGroup C, iFrance ihleli phezulu emva kokubetha i-Australia ngo’2-1
kumdlalo obunzima emini namhlanje. Emva kwayo yiDenmark ephumeleleyo – kodwa ebethwa
ngamagowuli yiFrance. Amaqela kaGroup C akubuyela enkomeni ngoLwesine weveki
ezayo.

Image may contain: 3 people, people playing sports and outdoor

PERU: Pedro Gallese, Alberto Rodriguez, Miguel
Trauco, Christian Cueva, Jefferson Farfan, Renato Tapia, Christian Ramos, Luis
Advincula, Andre Carrillo, Yoshimar Yotun, Edison Flores.

DENMARK: Kasper Schmeichel, Simon Kjaer, Andreas
Christensen, William Kvist, Thomas Delaney, Nicolai Jorgensen, Christian
Eriksen, Henrik Dalsgaard, Jens Stryger Larsen, Yussuf Yurary Poulsen, Pione
Sisto.