IDikwena ifundiswe ibhola simahla yiMamelodi Sundowns

Percy Tau celebrates a goal with Khama Billiat of mamelodi Sundowns during the Absa Premiership 2017/18 football match between Mamelodi Sundowns and Baroka FC at Lucas Moripe Stadium, Pretoria on 05 December 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Ngolu rhatya
iDikwena inikwe izifundo zebhola ekhatywayo simahla yiMamelodi Sundowns
kumdlalo obumhle eLoftus Versfeld Stadium. Amagowuli afakwe nguSibusiso Vilakazi
noKhama Billiat bagqagqanisele iPlatinum Stars ebibonakala ngathi iye emdlalweni
ingazilungiselelanga kakuhle. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iSundowns inkqenkqeza
phambili ngo’3-0 futhi iwulawula ngokupheleleyo nomdlalo phambi kwabalandeli
bayo abebevuma ingoma yabo yoloyiso. Emva kokunqaba kwimidlalo edlalwe
yiSundowns kulo nyaka mtsha, uBiliat uthe gqi evutha bhe. Amagowuli amabini
awafake kwisigaba sokuqala somdlali achaza umdlali osezingeni eliphezulu futhi
ohlelinje ulangazelela impumelelo.

Abadlali basemva
bePlatinum Stars abakwazanga ukumelanga nabadlali beSundowns abasebenzisa
amandu xa behlasela – kodwa lo nto iqale ekuyekeleleni kwabadala esiswini. Eli qela
laseNorth West khange likhangeleke njengeqela elinento enokothusa umzi
kwisigaba sokuqala sade saphela. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iMamelodi Sundowns
sele iwufake engxoweni lo mdlalo emva kokufumana amagowuli akhawulezileyo
kwimizuzu yokuqala kwisiqingatha sokuqala somdlalo. UPitso Mosimane
obekhangeleka encumile uphakamisele phezulu izandla zakhe njengophawu
lokoneliseka ngumsebenzi owenziwe ngabadlali bakhe.

Liye lehla
izinga lomdlalo kwisigaba sesibini somdlalo nakubeni yona iPlatinum Stars
ibonakele inomahluko emva kokwenza iinguqu ezimbini. Ihlasele iDowns – kodwa ingangxamanga.
UPitso ufake ifolosi efikayo egama linguLeanro Sirino endaweni kaVilakazi. UThemba
Zwane noPercy Tau bebeyifuthamisele iPlatinum Stars emva – kodwa abakwazanga ukuwasebenzisa
amathuba ambalwa abathe bawafumana kwisigaba sesibini somdlalo. Naye u-Aubrey Ngona
ukhe wazama noxa ibhola yakhe indande phezulu emva kwebhola entle ayidlalelwe nguSirino
noTau kumdlalo weDikwena. Ungenile uJeremy Brockie endaweni kaZwane kushiyeke imizuzu
elishumi kuphele umdlalo. Zisuka nje uBrockie, uNgoma noTau baye bayixakekisa kakhulu
iDikwena phaya emva.

Kuye kwanyanzeleka
ukuba uDenis Onyango emva kokukhatyelwa ibhola ebuhlungu nguNtuli ongene emdlalweni
kwisigaba sesibini. Iqela likaRiger De Sa lidlale umdlalo ungcono kwisigaba sesibini
– kodwa ingxaki yalo belingakwazi ukudala amathuba acacileyo. Isandawana iphumelele
umdlalo olula namhlanje yaphinda yabethelela indawo yayo phezulu kwiPSL.