IDikwena ivuyela ukufika kukaMkhabela

Iqela likaCavin Johnson, iPlatinum Stars, lixakeke kakhulu kule sizini yokuthengwa nokuthengiswa kwabadlali. Ngoku lenze umtsi, latyikitya umdlali-siswini weKaizer Chiefs ogama lingu-Enocent Mkhabela. UKhabela, oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe, uzakuhlala kweli qela laseRustenburg ezinyanga zintlanu ziseleyo kule sizini nanjengoko isivumelwano isesemboleko.

Lo mdlali ngomye wenqwaba yabadlali abatyikitywe yiKaizer Chiefs phambi kokuqala kwesizini ka’2016/17 – kodwa izinto khange akwazi ukufumana ithuba lokudlala kwiqela likaSteve Komphela. Eli lithuba elihle kakhulu lakhe lokuvuselela ikhono lakhe lokudlala ibhola ekhatywayo phantsi komnye wabaqeqeshi abazibalule ngokubumba italente ebholeni yoMzantsi Afrika.

“Sikuvuyela kakhulu ukufumana umdlali onje ngoMkhabela kwiKaizer Chiefs. Sinethemba lokuncedakala bubukho bakhe kweli qela. Iinjongo zethu zokuzisa uMkhabela kukuzama ukuqinisa iqela, futhi okumnandi kukuba usebenzile noCavin Johnson ngaphampili,” utshilo uMazingiza, umphathi wePlatinum Stars.

Kwisiqingatha sokuqala sale sizini yePSL, iDikwena isokole kwicala lokuphumelela imidlalo – yiyo lo nto kuye kwanyanzeleka ukuba iye emakhethe. UMazingiza uthe bona bakwazile ukubafumana abadlali abathathu abafunwe ngumqeqeshi. Abanye abatykitywe ngaphambili baquka uWillen Mwedihanga, u-Abia Nale noGerald Phiri.

“Bekuthiwe masikhangele abadlali abathathu, kodwa ngoku sifumene abane. Sizakuyivala inkqubo yokukhangela amadlali kungekudala. Siyavuya ngoba sikwazile ukumenzela le nto ayifunayo umqeqeshi nangona sinomceli-mngeni kwecala lezimali. UMkhabela ngumdlali wokugqibela esimtyikityileyo – kodwa ke ukuba kuthi gqi uCristiano Ronaldo sakwenza unako nako.,” utshilo uMazingiza.

Kumdlalo wokuqala kulo nyaka iPlatinum Stars yamkela i-Orlando Pirates ngomhla wesibhozo kwinyanga ezayo eRoyal Bafokeng Stadium ngo’19:30.