Idinga amanqaku iChippa ukuze iphefumle kwiDStv Premiership

USammy Seabi weChippa United nomqeqeshi wakhe, uKurt Leintjies, emdlalweni weDStv Premiership obuseSisa Dukashe Stadium kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: Deryck Foster/BackpagePix

IChippa United iduda ndawonye njengesiqhelo xa isizini yeDStv Premiership ikwisigaba ekuso ngoku. Oku kwenziwa kukungakwazi kwayo ukuqokelela amanqaku ngokwaneleyo, ingakumbi emidlalweni eqale iqhube kakuhle kuyo njengobukwiveki ephelileyo eMonti. Iqela likaKurt Lentjies liphose ithuba elihle lokubhekela kumaqela ajingelwa lizembe okwethutyana ngethuba liyeka iRoyal AM ifake amagowuli amabini emdlalweni weDStv Premiership ophele amaqela ebambene eSisa Dukashe Stadium. Okuphoxe kakhulu abalandeli beChippa United kukuba iphulukene namanqaku amabini nangona ibihamba phambili emdlalweni.

Ukuze iqela laseMpuma Koloni liqinisekise indawo yalo kwiDStv Premiership, kunyanzelekile liyiphumelele imidlalo emininzi kwelishumi elinanye eshiyekileyo kwisizini eqhubekayo. Iza kufumana elinye ithuba lokulungisa iziphene kwakhona xa idibana neMarumo Gallants eqeqeshwa nguDan Malesela emdlalweni oza kube useSisa Dukashe Stadium ngentsimbi yesithathu ngoMgqibelo. Umdlalo uza kuba nzima kumaqela omabini ngoba adinga amanqaku. Ngaphandle kwamathandabuzo, uDan Malesela uza eMonti efuna ukuyivisa ubuhlungu iChippa United agxothwe yiyo amatyeli aliqela.

Ukuphumelela kweGallants kwakuyinika amandla okuphepha izembe. Yena uLentjies ufumana ithuba lokujongana ngqo nomqeqeshi wakhe wangaphambili – kodwa eyona nto ibalulekileyo kuye kukuhlangula iChippa United kwenye ingxaki enkulu ethukuzayo. Iqela likaMalesela lihleli kwindawo yeshumi elinanye. Linamanqaku alishumi elinethoba eliwafumene emidlalweni elishumi elinesibhozo. Ayiqhubi kakuhle nayo iMarumo. Yiyo lo nto kunyanzelekile ibethe iChippa engakwaziyo ukuvala amagowuli. Yona iChippa ihleli kwindawo yeshumi elinesine. Ukuze ikwazi ukuphefumla, kufuneka ibethe iMarumo Gallants ngempelaveki.

Imidlalo yeDStv Premiership:

Lwesihlanu: Maritzburg United vs Golden Arrows @Harry Gwala Stadium, 19:30

Mgqibelo: Chippa United vs Marumo Gallants @Sisa Dukashe Stadium, 15:30; Sekhukhune United vs Swallows FC @Ellis Park, 17:30; Baroka FC vs Kaizer Chiefs @Peter Mokaba Stadium, 19:30

Cawe: SuperSport United vs Royal AM @Lucas Moripe Stadium, 15:30