Ingene ngetshova i-Orlando Pirates kwisigaba esilandelayo seNedbank Cup ebunzimeni. Oku kwenzeke emva kokuba iPirates izibethele iAll Stars ngo’2-0 emdlalweni obumhle eBidvest Stadium ebusuku namhlanje. Nakubeni umdlalo ubumhle – kodwa abadlali bamaqela omabini basokole ngenxa yobumanzi bebala. Indlela iAll Stars edlale ngayo iyamangalisa kakhulu. Abadlali bayo bakwazile ukuyithintela iPirates ayafunama gowuli kwisigaba sokuqala. Nasesiswini bakwazile ukumelana neziqwayi zePirates. Khange kucace ukuba iAll Stars liqela elidlala kwiMotsepe Foundation Championship konke konke.
Unozinti wayo ebexakekile kwisigaba sokuqala esiphele kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini. Abadlali abafana noDlodlo noSaleng bebesoloko benkqonkqoza noxa bekucaca ukuba uSnethemba Badela uye eSoweto ewalungise kakuhle amakhwenkwe wakhe. Ngoba bekunyanzelekile kubekho iqela eliphumelelayo namhlanje, kuye kwanyanzeleka amaqela omabini anyuse umxakatho ukuze kubekho eliphumelelayo.
UJose Riveiro wenze iinguqu kwiPirates yakhe ngokufaka uThembinkosi Lorch, uThabiso Monyane noVincent Pule. Noxa uLorch ebenethuba elide engadlali ngenxa yokonzakala, injongo yomqeqeshi ibicace gca: ebefuna kuhlaselwe liqela lakhe kuvele igowuli. Kube njalo, uMonnapule Saleng ufake igowuli lokuqala emdlalweni emva kokuba abadlali be-Al Stars bengakwazanga ukuchitha ibhola emhlabeni kanizinti wabo.
Emva kwemizuzu embalwa, uLorch ufake igowuli lesibini yatsho yahamba phambili iPirates ngamagowuli amabini. Noxa izinto ziyihambele kakuhle iBucs – kodwa iphethe umdlalo ingenaye umqeqeshi. Umqeqeshi wayo uye wanikwa ikhadi elibomvu ngusompempe obelawula umdlalo namhlanje. Asicacanga isizathu sokugxothwa kwakhe – kodwa kunokwenzeka ukuba uthethe kakubi kwelinye lamagosa ebephethe umdlalo. Alishumi elinanye ngoku ewonke amaqela aphumelele imidlalo yeNedbank Cup. Eminye iza kudlalwa ngomso, kanti omnye uya kudlalwa ngoMvulo abe sele ethelekwiswa ashiyekileyo.
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile