Izibekele indawo kumjikelo olandelayo i’Orlando Pirates emva kokuba izibethele iCape Town Spurs ngo’2-0 emdlalweni weCarling Knockout obubanjelwe e’Orlando Stadium namhlanje ebusuku. Amagowuli ephumelele ngawo iPirates afakwe nguThapelo Xoki noKermit Erasmus. UJose Riveiro uqale umdlalo ngabadlali abangaqhelanga ukuqala imidlalo abafana no-Evidence Makgopa, uKermit Erasmus, Olisa Ndah noThembinkosi Lorch. Ngumvuzo wokudlala kakuhle emdlalweni wendebe yeMTN8 ekuqaleni kwale nyanga okunyanzele umqeqeshi ukuba anike elinye ithuba lokudlala uNdah.
Siphelile isiqingatha sokuqala kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini. Okuthe kwakubi kwiPirates kukonzakala kukaSipho Chaine uye wakhutshwa kwangena uMelusi Buthelezi. Ebekhona amathuba ambalwa – kodwa iPirates ayikwazanga ukwenza nto ngawo ngoba abadlali beCape Town Spurs bebedlala kakuhle kakhulu. Isiqingatha sokuqala sibanike ithe abadlali beSpurs esisazingela impumelelo yokuqala kwisizini eqhubekayo ukusukela oko sinyuselwe kwiMotsepe Foundation Championship.
Izinto ziye zajika emzuzwini wamashumi amathandathu xeshikweni uXoki efaka ibhola ebibekwe echaphazeni. Ezimnyama zifumene ipenela emva kokuba uZama Dlamini adlalise kakubi uMakgopa endaweni embi kakhulu. Khange kube lixesha elide, uKermit Erasmus ubhakuzelise umnatha emva kokunikelwa ibhola entle nguMakgopa phakathi ebhokisini. Isukele ngamandla iPirates kubonakala ukuba izama igowuli lesithathu – kodwa uBandile Shandu akakwazanga ukusebenzisa ithuba elifumeneyo.
Ukuphumelela kwayo iPirates kwandisa amathuba wayo okuphumelela indebe yesibini kwixeshana elifutshane kuqale isizini. Uphelile umdlalo iPirates ihamba phambili ngamagowuli amabini. Emva komdlalo, uLorch ufumene ikhulu lonke lamawaka erandi emva kokuba evotelwe ngabalandeli njengomdlali oqaqambileyo. Ikhona intlantsi kwiCape Town Spurs egxothe uShaun Bartlett kwiiveki eziphelileyo ngenxa yeziphumo ezibi. Ukubethwa kwayo kuyinika ithuba lokulungiselela imidlalo yeDStv Premiership.
Ubomi ejele kutata owadlwengula intombi yakhe ngokuphindaphindiweyo