ISuperSport united iya kumdlalo wamagqibela kankqoyi emva kokubetha iChippa United ngo’4-2 kumapenela kumdlalo weNedbank Cup obubukelwe ngabalandeli bebhola abasondele kwishumi lamawaka eSisa Dukashe Stadium ngokuhlwa kwanamhlanje. Umdlalo ubukwizinga eliphezulu – kodwa eyona nto ebibalasele kukuphoswa kwamathuba ngamaqela omabini kulo mdlalo. Ibikokokuqala iChippa United ihamba ifikelela kwesi sigaba kukhuphiswano ukusukela oko yafika kwaPSL.
Umdlalo uqale ngesantya esiphantsi, yiSuperSport united kodwa exhokonkxe kuqala. UDean Furman noReneilwe Letsholonyane baququzele njengesiqhelo esiswini bebane bezityala iibhola kuThuso Phala nakuThabo Mnyamane obencedisa [maxa wambi] uJeremy Brockie phambili.
Kwimizuzu yokuqala umdlalo ulawulwe liqela ebelindwendwele, kangangokuba liphantse latsazisa igazi ngomzuzu wesibini. UXolani Mdaki edibene noSandile Zuke – amaxhadi kaDan Malesela – akwazile ukusibamba isantya somdlalo baqinisekisa ukuba iChippa United idlala umdlalo wayo wesiqhelo wokunikelana ngebhola.
Ngokwenza njalo abadlali beChippa United bakwazile ukusukela iSuperSport United phaya emva ebixhathise ngoMorgan Gould noClayton Daniels. UKatlego Mashego, obeqale umdlalo, u-Andile Mbenyane noMenzi Masuku bafumana ithuba elihle lokufaka igowuli emva kokunikelana ngebhola kakuhle – kodwa ukuxhamazela kwabo ebholeni kubabethile ngoba iinzame zabo ziphazanyisiwe ngabadlali beSuperSport United.
Ngomzuzu wamashumi amabini anesixhenxe, uSandile Zuke ufumene ithuba elihle kumhlaba kanozinti emva kokucanda emadodeni okwemel’eshushu ebhotolweni – kodwa uthintelwe nguRonwen Williams. Nangona iChippa ikwazile ukudlala umdlalo ozinzileyo – kodwa ibhola ibidlalelwa emhlabeni wayo ubukhulu becala. Isigaba sokuqala siphele kungekho gowuli macala.
Zibuye zilume ongezantsi iiChilli Boys kwixesha lokuphumla, ziyibeke phantsi ibhola zabe zihlasela ngamandla kwangaxeshanye. UMako Paseka, obedlala ekunxele njengesiqhelo, ebenyuka esehla encedisana noZephania Mbokoma. Umdlalo uye wathanda ukuba shushu kwaye kubonakala ukuna iqela ngalinye lizimisele ukwenza izinto ezibonakalayo. UMalesela ukhuphe uMashego kwisigaba sesibini somdlalo, waze endaweni yakhe wafaka umtshutshisi omkhulu, uRhulani Manzini. Yena uStuart Baxter ufake uMandla Masango noBradley Grobler endaweni kaTeboho Mokoena noThabo Mnyamane – kwangoko bawushukumisile umdlalo.
UPhala uphose ithuba elihle lokufaka igowuli emva kokukhabela phezulu ibhola entle egotywe nguBrokie ekunene. UManzini unyuse izibilini zabalandeli ngethuba ibhola yakhe ayikhabe ekude iphuma ecaleni kwepali. Utshintsho olwenziwe nguDan Malesela luyinike amandla iChippa United okungena kumhlaba weSuperSport United ngcono kunesiqingatha sokuqala – kodwa ibifika uGould noDaniels belungele konke okuphoswa kubo. Aqhubele phambili la maqela omabini ehlaselana – kodwa kwabe kungekho elifuna ukoyiswa. UMasuku ushiye amadoda ezizigede emva kwakhe – kodwa ngenxa yokungakwazi ukuyilawula ibhola yakhe uWilliams uyichole loobhola ngapahndle kobunzima. Kwixesha elongezelelweyo kungene uDavid Zulu endaweni kaMasuku obediniwe. Unozinti weChippa, uDaniel Akpeyi usebenzile ngethuba evala iphala kaPhala obephambi kwepali. UMasango wothule amahobe emthini ngethuba ekhabela phezulu ibhola ephambi kukanozinti.
Ibhola ebikhatywe nguMokoma kwisigaba sesibini kwixesha elongezelelweyo iphume ecaleni kancinci. Uphele umdlalo kungekho eliphumeleleyo emdlalweni nasemva kwexesha elongezelelweyo.
Ubomi ejele kutata owadlwengula unyana wakhe ona-8