iDowns ayikuchasanga ukuyiphinda iAl Ahly emdlalweni weChampions League

UManqoba Mnqgithi ngomnye wabaqeqeshi beMamelodi Sundowns. Umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uManqoba Mngqithi, ubona iziphumo zomdlalo ophakathi kweqela lakhe ne-Al Ahly njengeziphumo ezakuthi zibe nefuthe kakhulu kwindlela iqela aliqhuba ngayo kwisini yonke. OkaMngqithi ukuthethe oku ngethuba ephendula imibuzo yeentatheli namhlanje (Lwesine) eChrolokop – apho achube isikhwebu ngamalungiselelo omdlalo omkhulu ongempelaveki. Amasandawana aza kudibana ne-Al Ahly emdlalweni weCAF Champions League ekulindeleke utake iintlantsi eFNB Stadium ngentsimbi yesithandathu emalanga ngoMgqibelo. Okwenza umdla kakhulu emdlalweni wala maqela mabini ngumsebenzi kaPitso Mosimane owaphakamise omabini amaqela ebholeni yezwekazi le-Afrika jikelele.

Phambi kokuya eYiphutha, uPitso wavusa iSundowns eyayiphihlika wayenza iintshatsheli eMzantsi Afrika nakwizwekazi le-Afrika. Emva koko waya kwi-Al Ahly – apho afike waphumelela iindebe ezintlanu zonke eminyakeni emibini. Uxinizelelo lusemagxeni kaPitso ngoba iSundowns yabuya nempumelelo eCairo eyeza negowuli elafakwa nguThapelo Morena emizuzwini yokugqibela kwinyanga ephelileyo. Iya emdlalweni iSundowns umsebenzi omkhulu iwucuthile kwaye ihleli phezulu kuGroup A emva kokubethela iAl Ahly kowayo. Noxa uPitso Mosimane eyibeke yacaca into yokuba ufuna ukuyibetha iSundowns – kodwa nayo ayikuchasanga ukuliphinda iqela lakhe. “Sijongene nomdlalo onzima kakhulu,” utshilo uManqoba namhlanje.

“Umdlalo ophakathi kwethu ne-Al Ahly unzima kwaye iziphumo zawo zinganefuthe kwindlela esiqhuba ngayo kwisizini eqhubekayo. Into ebangela lo nto kukuba iziphumo zomdlalo zizo eziza kusisa kwisigaba esilandelayo seCAF Champions League. Beza kuthi befuna ukusibetha bafumane impindezelo. Kodwa nangona kunjalo, ndicinga ukuba abalandeli baza kufumana umdlalo abaza kuwonwabela kakhulu. Xa kudibana amaqela amakhulu efuna nempumelelo –lo nto yenza umdla ebantwini ababukeleyo,” utshilo uMngqithi. Amakhwenkwe kaPitso azilolongela eNaturena, ekhayeni leKaizer Chiefs, anethemba lokuphumelela emva kokuyiphumelela yonke imidlalo emva kokubethwa yiSundowns.