IDowns ibanjwe ngobhongwane yi-Al Ahly yaphuma kwiChampions League

Ricardo Do Nascimento of Sundowns during the 2019/20 CAF Champions League quarterfinal football match between Sundowns and Al Ahly at Lucas Moripe Stadium, Pretoria on 07 March 2020 ©Gavin Barker/BackpagePix

Iphelile indlela
yeMamelodi Sundowns emva kokuba ibanjwe ngobhongane yi-Al Ahly emdlalweni weCAF
Champions League ophele ngegowuli elinye macala eLucas Moripe Stadium
ngenjikalanga yanamhlanje. Amasandawana akakwazanga ukufumana amagowuli amathathu
eqandeni ebiwadinga emdlalweni obunzima namhlanje ePitoli emva kokubethwa kwawo
ngo’2-0 emdlalweni obuseCairo International Stadium kwiveki ephelileyo. Ukufika
kwe-Al Ahly kwangoko eMzantsi Afrika kuyisebenzele ngoba ikwazile
ukuziqhelanisa neemeko zaseGauteng kwangethuba. Iinzame zikaPitso Mosimane
neqela lakhe zokuphakamisa indebe yezwekazi le-Afrika kwakhona ziphanzile
kwakhona – kodwa lo nto ibanika ithuba lokuphefumla nokukhusela indebe ye-Absa
Premiership emidlalweni eshiyekileyo. Amathuba amabini athe gqi ekuqaleni
komdlalo akasetyenziswanga nguThemba Zwane noRicardo Nascimento ovinjwe indlela
nguMohamed El Shenawy ezipalini.

Amaqela aye
kwixesha lokuphumla ebambene ngegowuli elinye macala. Oku kwenzeke emva kokuba
uLebohang Maboe egwaze umkhonto ekhaya ngokufaka ibhola ezipalini zakhe emzuzwini
wamashumi amabini ananye. Umtshutshisi omkhulu, uGaston Sirino, ufake igowuli
lokulinganisa ngebhola ayinikelwe nguThemba Zwane. Ibhola egotywe nguHlompho
Kekana ayisetyenziswanga kakuhle nguSibusiso Vilakazi oyizame ngentloko. Emva
kwexesha elingephi, uPitso ukhuphe uMosa Lebusa, endaweni yakhe wafaka uTebogo
Langerman ofike wayishukumisa iAl Ahly ngeebhola eziphuma ephikweni. Umdlalo
ubulawulwa yiSundowns kwaye ikwazile ukunyanzela iAl Ahly ukuba ihlale
emhlabeni wayo ixesha elide – kodwa ayincedanga lo nto ngoba (iAl Ahly) ibeze
eMzantsi Afrika izokukhusela into enayo. Nangona iSundowns yayikhe yabetha iAl
Ahly ngamagowuli amahlanu eLucas Moripe Stadium – amathuba okwenza lo nto
kwakhona ebembalwa emva kokubethwa eCairo emdlalweni ogqithileyo.

 

Sundowns: Onyango,
Madisha, Nascimento, Lebusa, Ngcongca, Kekana, Jali, Sirino, Zwane, Vilakazi,
Maboe.

Amalalela:
Mweene, Langerman, Arendse, Mabunda, Mahlambi, Mhulise, Meza.

Al Ahly: 
ElShenawy, Maaloul, Rabia, Yaser, Fathy, El Soulia, Dieng, Metwally, Geraldo,
Ajaye, Badji.