IDowns icambalalise lula iChippa United engqisha ndawonye kwi-Absa Premiership

Nicholus Lukhubeni of Mamelodi Sundowns during the Absa Premiership 2019/20 football match between Sundowns and Chippa at Loftus Stadium, Pretoria on 15 February 2020 ©Gavin Barker/BackpagePix

Abadlali
beChippa United baphume ebaleni bethokombise iintloko emva kokucanjalaliswa
ngamagowuli amathathu eqandeni (3-0) yiMamelodi Sundowns emdlalweni we-Absa
Premiership obumhle eLoftus Stadium ngenjikalanga yayizolo. Umdlalo ulawulwe
yiSundowns ukusukela emzuzwini wokuqala wade wayokuphela. Amagowuli ephumelele
ngawo iDowns ambalwa kakhulu kunamathuba engawasebenzisanga emdlalweni,
ngakumbi kwisiqingatha sokuqala somdlalo. ISundowns ibhalise ebhodini
kungekapheli nomzuzu wokuqala ngebhola efakwe nguNicholus Lukhubeni – ongene
endaweni kaThapelo Morena ongazukudlala kwakhona kule sizini emva kokonzakala kwiveki
ephelileyo emdlalweni weNedbank Cup. Izamile nayo iChippa United ukudala
amathuba kwelayo icala nakubeni ingakwazanga ukufumana neli lokubika igowuli.
ULebo Maboe ube nelishwa emdlalweni wayizolo ngoba ngoyena mdlali obe yingozi
kakhulu kwiChippa.

Emva kokuya
kwixesha lokuphumla ihamba phambili ngegowuli elinye, iSundowns ithezele emnxebeni
kwese sibini. UThemba Zwane ulantye ibhola ayinikele uSibusiso Vilakazi obesendaweni
entle – kodwa uye wawiswa nguSandile Mthethwa, ibhola yakhonjwa echaphazeni
ngusompempe. UZwane ufake igowuli lesibini ngaloo penela. Kuye kwanyanzeleka
uNorman Mapeza aqwebe elinye iqhinga emva kokuba usompempe emkhuphe ngekhadi
elibomvu uMthethwa. UGaston Sirino, uZwane noVilakazi bayipheke beyophula
iChippa emva bencediswa nguHlompho Kekanan no-Andile Jali esiswini. Igowuli
lesithathu lifakwe nguVilakazi onikelwe ibhola entle nguSirino. Ukubethwa
kweChippa yinto embi ngoba imi ndawonye kwaye ikufutshane emva – indawo ebikhe
yathi qelele kuyo emva kokuqokelela amanqaku ekuqaleni kwalo nyaka. Yona
iSundowns ibuyele kwindawo yesibini emva kwempumelelo yanamhlanje kwaye icuthe
nomsantsa obuphakathi kwayo neChiefs edlala neMaritzburg ngoku.

  

Sundowns: Onyango, Lukhubeni, Lebusa, Madisha, Nascimento, Jali,
Kekana, Zwane,  Maboe, Sirino, Vilakazi.

Amalalela, Arendse, Lakay, Mabunda, Meza, Mkhulise, Makgalwa.

Chippa: Mothwa, Modisane, Mthethwa, Moyo, Malepe, Komane,
Mahola, Maziya, Maphangule, Gamildien, Kwem.

Amalalela: Sekotlong, Maarman, Lentjies, E. Moyo, Rakhale,
Jodwana.