IDowns idlulela phambili noxa ibethiwe yiCasablanca kwiChampions League

Pitso Mosimane, coach of Mamelodi Sundowns during the Absa Premiership 2018/19 match between Kaizer Chiefs and Mamelodi Sundowns at FNB Stadium, Johannesburg on 05 January 2019 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

UPitso
Mosimane namakwenkwe wakhe badlulela kumjikelo olandelayo weCAF Champions
League nangona bekhe phantsi isitya sigcwele emdlalweni wanamhlanje. IDowns
ibethwe yiWydad Casablanca
ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni obufudumele eComplex Prince Moulay
Abdellah ngorhatya lanamhlanje. Ukubethwa kweSundowns kuyibeka kwindawo
yesibini kuGroup A. Ayinamsebenzi lo nto ngoba kwiveki ephelileyo, Sundowns
ivuthulule iLobi Stars FC ngamagowuli amathathu eqandeni (3-0) emdlalweni
obuseLucas Moripe Stadium – apho ilungise khona indlela yayo eya kumjikelo
olandelayo.

Phambi
kwabalandeli bayo iCasablanca inenkani kakhulu, iba namandla futhi iya kelema.
Bekungohlukanga ke nanamhlanje – kodwa abadlali beSundowns bakwazile
ukuqubisana nabadlali bayo ebekubonakala okokuba bafuna ukuyicishilela zisuka
emdlalweni. Bekunyanzelekile iCasablanca iqinise umqolo ngoba ibisasebenzela
ukuzubekela indawo kumjikelo olandelayo ngokungafaniyo neSundowns. Igowuli
leWydad Casablanca
lifakwe ngumdlali wayo ethembele kuyo kakhulu – uMohamed Nahiri, obethe qelele.
Nakubeni uPitso Mosimane ebesebenzisa abadlali abanamendu abafana noMahlambi
noTade phambili – kodwa abakwazanga ukufumana igowuli lokubika ekhaya.

  

Wydad Casablanca: Tangaouti,
Noussir, Dari, Jabrane, Nahiri, El Karti, Saidi, Nakachi, El Haddad, Babatunde,
Ounnajem.

Mamelodi Sundowns: Onyango, Morena,
Arendse, Nascimento, Langerman, Zwane, Kekana, Mabunda, Lakay, Mahlambi, Maboe.

Amalalela. Pieterse, Lebusa, Tade,
Manyisa, Mkhulise, Laffor, Soumahoro.