IDowns igube Amathambo kwavakalelwa abalandeli eLoftus Stadium

Mamelodi Sundowns CELEBRATES A GOAL during theAbsa Premiership match between Mamelodi Sundowns and Orlando Pirates at the Loftus Stadium on 11 February 2017 ©Sydney Mahlangu/BackpagePix

Namhlanje i-Orlando Pirates ifumene into eyayigqibela kudala kwimbali yayo yebhola ngethuba ivuthululwa ngamagowuli amathandathu eqandeni yiMamelodi Sundowns kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obanjelwe eLoftus Stadium ngale njikalanga. Amathambo agutywe kwanqanda abalandeli – yeyona ndlela ingcono yokuyibeka into eyenzeke eLoftus Stadium namhlanje.

Kuthe emva kokungena kwegowuli lokugqibela, abalandeli bangena ebaleni waba umdlalo uyema kuba ubom babadlali bebusemngciphekweni.

Umdlalo uqale ngesantya esiphezulu njengoko bekulindelekile. Umqeqeshi wePirates, u-Augusto Palacios, ukhethe ukwenza iinguqu eziliqela kwiqela phambi kwalo mdlalo emva kokuba abadlali bakhe beyeke amathuba ngethuba iPirates idlala nePlatinum Stars phakathi evekini. Uqale ngabadlali ababini abafikayo kwiPirates: uJames Okwuosa noMarco van Heerden bencediswa nuThabo Matlaba no-Ayanda Gcaba. Phambili ufake uGift Motupa njengomdlali ozakusebenzisana noTendai Ndoro. Akukho nanye esebenzileyo ngoba iSundowns iqhawule kwanto ebezanywa ngabadlali ebekubonakala ngathi iingqondo zabo zikwenye indawo.

Namhlanje bucace gca ubu-athalala bukaPalacios kwaye kwabhenceka nendlela embi alungiselele ngayo umdlalo. Linye uthuba elicacileyo lePirates engakwazanga ukulisebenzisa, livele ngomzuzu wokuqala emdlalweni.

UPitso Mosimane neqela lakhe babonise ubunganga abanabo kwibhola yezwekazi Afrika kumdlalo wanamhlanje. Akululanga ukubetha iPirates – kodwa namhlanje bayenze lula kakhulu ibhola ekhatywayo.

Amagowuli weDowns afakwe nguThemba Zwane, Percy Twala (x2), Ricardo Nascimento noThapelo Morena (x2). Kwisigaba sokuqala uKhama Billiat, uTau noZwane balubulele tu udonga lwePirates yatsho yaya kwisigaba sesibini ihamba phambili ngo’2-0. Emva koko ibengathi abekho abadlali bePirates. Khange badlali kakuhle, khange kubekho qhakamshelwano phakathi kwabo futhi akukhange kubekho nto ibonisayo ukuba umdlalo ubulungiselelwe.

Abakwazanga ukunyamezela abalandeli bePirates emva kokungena igowuli lesithandathu; bangene ebaleni bonakalisa neentambo zikamabonakude. Loo ngxushu-ngxushu bebeyenza iwumise ngxi umdlalo kuzanywa ukubuyiselwa ucwangco.

Emva kokumiswa komdlali kushiyeke imizuzu esibhozo, uye waqala emva kwentsimbi yesithandathu ngokuhlwa. Uphele umdlalo kungatshintshanga nto emdlalweni.