IDowns igxeleshe iindebe ezintathu

UHlompho Kekana uthi iMamelodi Sundowns ifuna ukuphumelela iindebe ezintathu kule sizini ebikhe yaphazanyiswa yikhorona

Nangona abantu besanxunguphele ngenxa yekhorona eswantsulisa ihlabathi kodwa kulindeleke kubekho umahluko omncinci njengokuba kubuya ibhola.

Ngamaqela amane aza kugabula izigcawu ngemidlalo yeNedbank Cup kule mpelaveki. Onke loo maqela aza kube esilwela ukuvala isizini ka2019/20 ngendlela encumisayo.

IMamelodi Sundowns, esele iphumelele iTelkom Knockout futhi elwela ukukhusela indebe yePSL, igxeleshe ukuzibekela indawo kwisigaba sokugqibela seNedbank Cup ukuze ifumane ithuba lokuphumelela enye indebe ebalulekileyo kule sizini.

Omnye wabadlali abahamba phambili kwicala lokuzuza iindebe, uHlompho Kekana, uthi usanxanelwe ukongeza ezinye. Zimbini azijongileyo emidlalweni eshiyekileyo kule sizini, iDowns kodwa kufuneka ibhukuqe iKaizer Chiefs ehamba phambili ngamanqaku amane ukuze ikwazi ukukhusela indebe yePSL eyiphumelele kunyaka ophelileyo.

Ngentsimbi yesixhenxe ngorhatya ngoMgqibelo, iSundowns iza kuxikixana neBidvest Wits ethengiswe eLimpopo emdlalweni weNedbank oza kube useOrlando Stadium.

“Le iza kuba yindebe yam yesixhenxe yePSL. Ndiyifuna kakubi. Iza kuba lityeli lesithathu siyiphumelela ngokulandelelana. Iza kuba yindebe yePSL yeshumi yeMamelodi Sundowns. Iqela libhiyozela amashumi amahlanu eminyaka likhona. Sifuna iindebe ezintathu siyiSundowns. Yinjongo yeqela lonke leyo kodwa kufuneka sibethe iBidvest Wits. Siyayazi indlela ekuza kuba nzima ngayo. Imidlalo yethu neWits iba nzima kakhulu,” utshilo uKekana encokola ne-Independent Media.

Ukwamkele ngezandla zozibini ukubuya kwemidlalo uKekana othi abadlali bafuna ukukhunjulwa njengabenza imbali kwiSundowns.

“Zininzi izinto ezisikhuthazayo thina emidlalweni eshiyekileyo. Into efunekayo kukuba sibeke iingqondo zethu emidlalweni qha. Okunye okubalulekileyo kukuphumelela imidlalo yethu. Bekunzima ukuhlala singenzinto iinyanga ezine. Sonke siyakuvuyela ukubuyela kwisimo esiqhelekileyo. Siliqela elikwaziyo ukulwa. Ukuba siphumelela eyethu imidlalo, siza kufumana ithuba elihle njengokuba sifuna iindebe ezintathu,” utshilo uKekana.

Omnye umdlalo oza kutak’ iintlantsi uphakathi kweBaroka FC neBloemfontein Celtic.

pedro.mapelo@inl.co.za