IDowns ihleli phezulu emva kokuquthisa Amatsatsantsa emdlalweni wanamhlanje!

Umdlalo weDiski Challenge obuphakathi kweMamelodi Sundowns neSuperSport United. Umfanekiso: Asidlali/Twitter

Iphumelele ngemvula
yamagowuli amathandathu kwamathathu (6-3) iMamelodi Sundowns equthise
kabuhlungu iSuperSport United emdlalweni weDiski Challenge obutshisa
eDobsonville Stadium emimi namhlanje. Umdlalo ubumhle, abadlali bezimisele –
kodwa eyona nto ethe yaqaqamba emdlalweni ibe ngamagowuli alithoba afakwe. Lo
nto iyodwa nje icacisa gca ukhuphiswano oluphakathi kwamaqela asePitoli. Nangona
amaqela omabini edlale kakuhle – kodwa iSundowns ibonisile okokuba izinkunzi
ePitoli. UMusawenkosi Mdhluli noPromise Mkhuma ngabona badlali beSundowns
abayincedileyo emdlalweni wanamhlanje. Eyedwa uMdhluli ufake amagowuli
amathathu. UMkhuma, uCassius Mailula noNeo Mphuthi ngabanye abadlali abancede
iSundowns ngamagowuli. Isigaba sokuqala besinzima kakhulu macala ngoba abadlali
bamaqela omabini bakwazile ukufaka amagowuli amabini macala futhi edlala
umdlalo onomtsalane kakhulu obuzinyaswe ngabantu abaliqela.

Isigaba sesibini
sithathwe yiSundowns ezibalule ngaokufaka amagowuli amane. UNozinti weSuperSport
United, uTaschner Bwayami, ngeke abalibale abadlali beSundowns ababhakuzelise
umnatha ngendlela engathethekiyo kwisigaba sesibini. Nangona uVezi, uKhanyisile
Mayo noSbusiso Maziko bezamile ukufaka amagowuli okulinganisa – kodwa iinzame
zabo azikwazanga ukuyinceda iSuperSport United. Emva kokuzuza amanqaku
amathathu onke emdlalweni wanamhlanje, iMamelodi Sundowns ihleli phezulu
kwiDiski Challenge ngamashumi amathathu anesihlanu amanqaku emva kweshumi
alinane lemidlalo. Ngeke umqeqeshi weSuperSport United akhale kakhulu ngoba
abadlali bakhe bebezimisele kakhulu emdlalweni. UMdhluli uye wachongwa
njengoyena mdlali othe waqaqamba emdlalweni wanamhlanje. “Umdlalo
besiwulungiselele kakuhle ngoba besisazi okokuba abadlali beSuperSport baza
kuza kuthi bengxamile,” utshilo uMdhluli kwiSuperSport TV emva komdlalo.

Sundowns: Matthew Carelse, Siyabonga Muzwakali, Keegan
Allan, Karabelo Ramokepa, Siyanda Msani, Cassius Mailula, Ravaldo Sofala,
Thapelo  Mokomele, Promise Mkhuma,
Musawenkosi Mdhluli, Neo Mphuthi.

SuperSport: Taschner Bwayami, Tendamudzimu Matodzi, Conor
Keylock, Bilal Baloyi, Dylan Stoffels, Gape Moralo, Lukel Roux, Jistin Paulse,
Owsin Appollis, Khanyisile Mayo, Sbusiso Maziko.