iDowns ilola izikrweqe zokuwisa iAl Ahly ekhaya

UHamdi Fathi we’Al Ahly noThemba Zwane weMamelodi Sundowns emdlalweni weCAF Champions League kunyaka ophelileyo eCairo. Umfanekiso: EPA/KHALED ELFIQI

Kuzaw’ dlana iintsimbi emdlalweni weCAF Champions xa kudibana oomakadezondana, iMamelodi Sundowns neAl Ahly, ebholeni yezwekazi le’Afrika. La maqela mababini aza kudibana emdlalweni weChampions League oza kube useLoftus Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo. Umdlalo wangempelaveki uza kuba nomtsalane ngoba kudibana amaqela abangisana ngobunganga ebholeni yase’Afrika – kodwa eyona nto eza kuwenza umdlalo utshise ngakumbi kukuba kunyanzelekile aphumelele. Sekunyanzelekile ngoba iAl Hilal ithe ngcu phezulu kuGroup B emva kokuba ibethe iCoton Sport ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni obungoLwesibini wale veki.

Iqela likaRulani Mokwena libuyele ekhaya kwiveki ephelileyo emva kokubambana ngamagowuli amabini ne’Al Ahly emdlalweni obuseCairo. Amasandawana alola izikrweqela zawo ukuze akwazi ukuwisa iqela laseYiphutha emdlalweni ozayo. IDowns igqibe kwelokuba abalandeli bayo mabangene simahla emdlalweni ngoba iqonda kakuhle ukubaluleka kwabalandeli xa idibene neAl Ahly eza eMzantsi Afrika ikhokelwa nguPercy Tau owayekade edlalela iSundowns. UMokwena ubeke iinduku zakhe emgqubeni kwimpelaveki egqithileyo kuba efuna ukuya emfazweni namajoni aphilileyo.

Kwiveki ephelileyo, iSundowns ibambene neStellenbosch FC ngo’1-1 okokuqala emva kokuphumelela imidlalo elishumi elinantlanu eyiphumelele ilandelelana. “Kufuneka sibanile ithuba lokudlala abadlali. Ukonwabba kwabadlali yinto ebaluleke kakhulu kuthi. Bekungekho sizathu sokudlala ntanganye emdlalweni wanamhlanje – kodwa zizinto zasebholeni ezo. Ngeke siyiphumelele yonke imidlalo. Kufuneka ubetheke ngamanye amaxesha ukuze udlale ngcono emdlalweni olandelayo,” utshilo uMokwena emva komdlalo kutshanje. Iqela lelizwe likaFaro lintingela eMzantsi Afrika umoya wabadlali uphezulu emva kokuba liphumelele ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni elibethe kuwo iAl Mokawloo.