Umdlali siswini weMamelodi Sundowns, uBongani Zungu, uyamba kwiMamelodi Sundowns, lo nto iqinisekisiwe ngumphathi wakhe uSteve Kapeluschin ngoLwesithathu.
Lo mdlali ityikitywe liqela lasePortugal, iVictor de Guimaraes FC. “UZungu unesivumelwano seminyaka emine neVictor de Guimaraes kodwa uzakuqhubela phambili edlalela iSundowns kude kuphele isizini,” utshilo uKapeluschin.
IDowns seyihlabele mgaba namalungiselelo omdlali ozakuthi angene endaweni kaZungu. Umphathi weSundowns, uSizwe Nzimande, ukhawuleze wabaqinisekisa abalandeli beli qela ukuba bangaxhali ngoba umdlali ozakungena endaweni yakhe ukhona, kwaye kukho umdlali wasemazantsi eMelika abancwase ukumtyikitya.
Bekukho amaqela apha eMzantsi Afrika nakumazwe afana neGermany neNgilane abemfuna lo mdlali weMamelodi Sundowns.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo