IDowns iphindisile kwiTS Galaxy, kodwa uyakhala uMokwena

UPeter Shalulile weMamelodi Sundowns ubhiyozela inqaku kumdlalo weDStv Premiership obuphakathi kweTS Galaxy FC kunye neMamelodi Sundowns eMbombela Stadium. Umfanekiso nguSydney Mahlangu/BackpagePix

Nangona imidlalo eseza kudlalwa isemininzi kodwa alikho iqela elingayifumana ngoku iMamelodi Sundowns ebethwa ngumoya phezulu kwiDStv Premiership. Oku kucace gca okwekati emhlophe ehlungwini emva kokuba iSundowns ibethe iTS Galaxy ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weDStv Premiership obunzima eMbombela Stadium ebusuku ngoLwesibini wale veki.

Ancumile AmaSandawana ngoba aziphindisele kwiTS Galaxy eyawabetha ngegowuli elinye ekuqaleni kwesizini ePitoli. Ngaphezulu kwempindezelo, iSundowns iyibethelele indawo yayo phezulu kwaye ngoku akusekho themba lokuba ingabhukuqwa emva kokuba iRichards Bay neSuperSport United ezikwindawo yesibini neyesithathu ngokulandelelana, zidlale ntanganye kwiveki ephelileyo.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla iSundowns ihamba phambili ngegowuli elihle elifakwe nguRushine De Reuck ngentloko emva kwebhola esuke ekoneni ikhatywe kakuhle nguGaston Sirino. Kwisigaba sesibini, uPeter Shalulile, ubhakuzelise umnatha yatsho yakhokela ngesibini samagowuli iSundowns. Yona iTS Galaxy ifumene elokubika ngebhola efakwe nguJunior Traore emva kokuwiswa kukaOrebetse Mongae ebhokisini. Uvakalise ukungoneliseki kwakhe uRulani Mokwena emva komdlalo yindlela amathuba angasetyenziswanga kakuhle ngayo ngabadlali beSundowns.

Ekuqaleni kwesigaba sesibini, uSirino uphose amathuba amabini awadalelwe nguThapelo Morena obengene endaweni kaModau namhlanje. Bekufanele ukuba iSundowns iphumelele nokuba ngamagowuli amahlanu. Noxa izamile ukulwa iTS Galaxy kodwa iSundowns ibisenza into eyithandayo ebaleni. Izenzele imbali iDowns ngokuphumelela imidlalo elishumi elinesithathu ilandelelana. Ngoku ishiya iRichards Bay ekwindawo yesibini ngeshumi elinesithoba lamanqaku. Iqela likaMokwena liza kudibana neSekhukhune United eqhuba kakuhle emdlalweni oseLoftus Stadium emalanga ngoMgqibelo. Umdlalo uza kunika umdla ngoba iSekhukhune iphumelele imidlalo emine ilandelelana phantsi kukaBrandon Truter.