IDowns iphise ngomdlalo kwiKashima Antlers!

Ukuba besiwasebenzisile! Batsho abadlali beMamelodi Sundowns emva kokubethwa ngo’2-0 yiKashima Antlers kumdlalo weFifa Cup World Cup obubanjelwe eSuita City Football Stadium emva kwemini nje eJapan. Amasandawana abuyela ekhaya emva komdlalo nje omnye kule tumente. Isigaba sokuqala silawulwe yiSundowns futhi yiyo ebekufanele iwuphumelele lo mdlalo.

Amasandawana kuye anyanzeleka ukuba akhawuleze aziqhelanise nesantya esiphezulu ngoba umdlalo waseJapan uyabaleka kakade.

Abadlali bala maqela omabini badlale ibhola kubo kungekho kungxama kungako – kodwa kubonakala ukuba akukho nalinye elifuna ukwenza impazamo ngenxa yokubaluleka komdlalo.

Ngokuhamba kwemizuzu baye beswabuluka abadlali beMamelodi Sundowns. Kuqale uTiyani Mabunda ukuvavanya iqela laseJapan ethe qelele noko – kodwa ibhola yakhe ihambe phezulu kakhulu. IiBazillians ziphantse zayonzakalisa kodwa i-Antlers emva kokuba uKhama Billiat ephume phakathi kwamadoda ezama indlela eya epalini, ibhola yakhe iye yachiyhwa ngabadlali be-Antler. Khange aziyekele nawo kodwa AmaJapan ngoba azamile ukudibanisa iibhola ezikhokelele kwikona ngomzuzu weshumi elinesibini.

Emva koko uBilliat noKeagan Dolly bahlanganise iibhola ezintle ezidibene noThapelo Morena othe wagoba ibhola entle phambi konozinti. Lo bhola ihambe nje ngoba khange ibenamntu wokuyigqibezela. UWayne Arendse, nangona edlala emva nje, oke wazama ukuhlasela – ibhola imshiye kancinci uLeonardo Castro kufuphi nonozinti ngomzuzu wamashumi amabini anesithathu.

Igxumisile i-Antlers nayo emva koko – kodwa ibhola yayo icholwe nguDenis Onyango ngaphandle kwengxaki. UPercy Tau unyanzele unzinti ukuba asebenze emva kokujongana naye ngqo. Kwisithuba somzuzu nje emva koko, uBilliat, akakwazanga ukubamba kakuhle ngonyawo ibhola egotywe nguTeboho Langerman kwicala sasekunxele.

Ukhabe imbumbulu yebhola uMabunda ekude, yachithwa ibhola yakhe ngunozinti emva komsebenzi omhle kaTau noDolly. Kuwo onke amathuba ewafumeneyo iMamelodi Sundowns ayikwazanga ukuligqoboza udonga lweKashima Antlers.

Kwisigaba sesibini somdlalo izinto ziye zaguquka ngoba iKashima Antlers yiyo elawule umdlalo futhi iphantse yafaka igowuli kumathuba amathathu ewafumeneyo kwimizuzu elishumi elinesihlanu.

Ngomzuzu wamashumi amathandathu anesibini, u-Endo, ufake igowuli leKashima Antlers.

Iqela elidlalela ekhaya liqhubele phambili nokuyicishilela iSundowns yade yenza iinguqu. UCastro noBilliat bakhutshiwe kwangena abadlali abafana noSiyanda Zwane noSibusiso Vilakazi.

Sundowns: 36. Onyango, 27. Morena, 6. Arendse, 2. Nascimento, 4. Langerman, 8. Kekana, 13. Mabunda, 7. Dolly, 22. Tau, 28. Billiat, 25. Castro.

Antlers: 21. Sogahata, 3. Shoji, 6. Nagaki, 8. Shoma, 10. Shibasaki, 13. Nakamura, 16. Shuto, 18. Akasaki, 22. Daigo, 23. Ueda, 25. Endo.