IDowns iphume phambile kwi-ABSA premier legue

Kulindeleke ukuba ithweswe njengeentshatsheli ezintsha ze-Absa Premier Soccer League zesizini ka’2015/16 iMamelodi Sundowns.

Oku kwenzeke kuba iBidvest Wits yoyisakele kwiinzame zayo zokubamba iSundowns ephala phambili kwiPSL. IWits iyeke iBlack Aces yabuyela emdlalweni ngomzuzu wokugqibela kumdlalo ophele la maqela ebambene ngo’2-2 eMbombela Stadium ngoLwesibini ebusuku.

USibusiso Vilakazi ubuye namagowuli amabini kodwa, umsebenzi wakhe omhle umoshwe nguThabo Nodada ofake igowuli lokuqala leBlack Aces lokuqala ngomzuzu wesibhozo umdlalo uqalile. Elesibini laMazayoni lize ngomzuzu wokugqibela ngonyawo luka-Eddie Ngalo. La maqela aye ekhefini ebambene ngo’1-1 emva kokuswantsulisana ixesha elide kungekho lifuna ukugoba.

Phambi kwalo mdlali iWits ibinalo uthuba lokufumana iDowns ngoba la maqela ebeshiyana ngamanqaku amathandathu, kodwa kusekho umdlalo azakuthi adibane kuwo. Emva kokuba ingaphumelelanga iWits kwilinge lokubetha i-Aces, ngoku indebe isezandleni zeDowns ngokupheleleyo.

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uPitso Mosimane, uyibeke yacaca eyokuba akafuni kwenza mpazamo yokulinda kude ibengumzuzu wokugqibela ukuze aphumelele le ndebe. Izolo iSundowns idlale nabakhaya AmaTuks.