IDowns iqokelele amanqaku apheleleyo eKing Zwelithini Stadium

Sibusiso Vilakazi of Mamelodi Sundowns challenged by Phumlani Gumede of AmaZulu during the Absa Premiership 2017/18 match between AmaZulu and Mamelodi Sundowns at King Zwelithini Stadium, Umlazi South Africa on the 02 March 2018 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Ibethwa
ngumoya phuzulu iMamelodi Sundowns emva kokuqokelela amanqaku apheleleyo
kumdlalo wanamhlanje. Amasandawana avuthulule AmaZulu FC ngo’3-1 kumdlalo
we-Absa Premier Soccer League obutshisa eKing Zwelithini Stadium ngale ntlwa. Ngoku
iSundowns inkqenkqeza phambili kwiPSL ngamanqaku asixhenkxe onke okwalo mzuzu, emva
kwayo yi-Orlando Pirates edlala neKaizer Chiefs kumdlalo omkhulu nobaluleke
kakhulu ngomso eFNB Stadium. Amagowuli weqela lasePitoli afakwe ngumdlali
wasemva uRicardo Nascimento ofumene ipenela emva kokuwiswa kukaPercy Tau
ebhokisini nguSedat Ouro-Akoriko.

AmaZulu
nawo enze amatiletile okufumana igowuli lokulinganisa – kodwa babe bemile
abadlali beDowns emva bengafuni nova. Kuthe xa kusondela ixesha lokuya
ekhefini, uMhlengi Cele ungcangcazelise umnatha – ebeka AmaZulu endaweni entle.
Kuyiwe kwixesha lokuphumla iyinkwa nenkwa kulo mdlalo obubukelwe ngamawakawaka abalandeli
bebhola ekhatywayo KwaZulu-Natal.
Kwisigaba sesibini amakhwenkwe kaPitso Mosimane khange ahleke nenye
kwezihlekisayo; uSibusiso Vilakazi ukhabe intambula yebhola emva kokufumana
ibhola ebisuka kwinyawo eliqeqeshiweyo likaThemba Zwane obedlala kwisindla sasekunxele.

Kumzuzu wamashumi
amathandathu uVilakazi ubethelele isikhonkwane sokugqibela ngethuba ebeka
ibhola emnatheni lula. Elo gowuli licaphukise abalandeli baMaZulu abajule
izinto ezingamkelekanga ebaleni. Kule kwanyanzeleka okokuba umdlalo ume
isithuba semizuzu ekumashumi amabini onke. Kuye kwabuyelwa emdlalweni emva
kokuthomalala kodushe – kodwa ngelishwa lawo AmaZulu, akakwazanga ukumelana
neDowns ebekunyanzelekile iwuphumelele umdlalo phambi kokuntingela ngaphandle
kwelizwe – apho iza kubandakanyeka kumdlalo weCAF Champions League. Ngamaqela
afana nePirates, iChiefs neMaritzburg United afuthela emagxeni weSundowns
kugqatso lokuphumelela indebe enkulu yePSL kule sizini – kodwa okwangoku,
ifumene ithuba lokuphefumla emva kokubetha Usuthu.

  

AmaZulu FC: Pule, Mabiliso, M. Gumede, P. Gumede, Ouro-Akoriko,
Darpoh (Ncobeni 36′), Mnguni, Morton, Cele, Nomvethe, Khenyeza. 

Amalalela: Murambadoro, Mthembu, Nyongo, Manzini, Ncobeni, Lumkwana,
Karuru.

Mamelodi
Sundowns: 
Brimah, Langerman, Morena,
Arendse, Nascimento, Mabunda, Vilakazi, Kekana, Sirino, Zwane, Tau.

Amalalela: Mweene, Madisha, Ncgongca, Lebese, Zulu, Brockie, Manyisa.