Iintshatsheli zeDStv Premiership ezikhuselayo, iMamelodi Sundowns, ziquthise iCape Town City ngamagowuli amabini eqandeni (2-0) emdlalweni wokuqala wesizini entsha obuseDHL Stadium ebusuku namhlanje. Le yimpumelelo enencasa kwiSundowns ngakumbi ngoba ibuyise izitya emva kokubethwa yiCape Town City ngamagowuli amathathu kuvalwa isizini yeDStv Premiership ka-2021/22 kwiinyanga ezigqithileyo. Amasandawana aqale umdlalo ngoRonwen Williams omtsha ezipalini, kanti yona iCity ibifake amadoda amatsha afana noLuke Daniels noMarc Van Heerden. Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho qela elibhalisileyo ebhodini.
Umdlalo uqale ngesantya esiphezulu, omabini amaqela ehlaselana. Bekufanele ukuba iCity iye yakhokela – kodwa akubanga njalo ngoba uThabo Nodada ephose ithuba elihle endaweni entle. Isiququ seDowns, uHaashim Domingo, sizamile ukudala ithuba – kodwa sakhaba ibhola engenamandla. Isigaba sesibini khange sahluke kwisigaba sokuqala, amaqela ahlaselene efuna igowuli. Kuye kwanyanzeleka uEric Tinkler enze inguqu emva kokonzakala kukaDaniels. Indawo yakhe ithathwe nguKajally Drammeh waseGambia. Emzuzwini wamshumi amathandathu, iSundowns ibhalise ebhodini igowuli elifakwe linxele, uAubrey Modiba, okhabe ibhola angakwazanga ukuyibamba uHugo Marques.
Emva kwemizuzu embalwa, uThemba Zwane ubhakuzelise umnatha kwaphela ngeCape Town City. Izamile ukukhangela igowuli iCape Town City – kodwa abadlali beDowns bebengafuni kwanto ejikela emva kukaWilliams obedlala okokuqala emva kokushiya iSuperSport United kwiiveki ezigqithileyo. Ukuphumelela kweSundowns kuthetha ukuthi ihleli phezulu kwiDStv Premiership ngoba amaqela amaninzi aza kudlala imidlalo yawo ngomso nangeCawa. Ukubethelwa ekhaya sisiqalo esibi kakhulu seCity – kodwa uTinkler uza kulwela ukuyiguqula lo nto emidlalweni elandelayo. Omabini amaqela avule isizini namhlanje aza kudlala imidlalo yeCAF Champions League emva kokuvala isizini ephezulu ngokulandelelana kwisizini ephelileyo.
Cape Town City: Marques, Martin, Mokeke, Cupido, Van Heerden, Ambina, Nodada, Mdantsane, Gonzales, Mayo, Daniels.
Amalalela: Keet, Fielies, Fisher, Makola, KG, Goedeman, Bender, May, Kajally
Mamelodi Sundowns: Williams, Modiba, Mudau, B.Onyango, Lebusa , Mokoena, Domingo, Maema, Zwane, Kutumela, Shalulile.
Amalalela: D.Onyango, Morena, De Reuck, Mbule, Mkhulise, Jali, Ralani, Lakay, Mvala.
IPirates idibana neentanga zayo namhlanje kwiMTN8, utsho uSage Stephens!