Iya emdlalweni wokugqibela iStellenbosch FC emva kokuquthisa iMamelodi Sundowns ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weMTN8 obubanjelwe eMoses Mabhida Stadium namhlanje emalanga. Ngelishwa layo iSundowns ibethwe ngo’1-0 yiStellenbosch kowayo eLucas Moripe Stadium phakathi evekini.
Umdlali ofake igowuli emdlalweni wanamhlanje nguLehlohonolo Mojela obekade edlalela iTS Galaxy. Ngoku iStellenbosch iza kudibana neentshaba zayo ezinkulu, i’Orlando Pirates, eyoyise iCape Town City emdlalweni obuseSoweto izolo emalanga.
Akubangakho qela elikwazileyo ukufumana igowuli kwisigaba sokuqala. Omabini ahlaselene amaqela futhi akwazile ukudala amathuba – kodwa akakwazi kwaphela ukusebenzisa loo mathuba. UFebruary ngoyena nozinti obexakeke kakhulu emdlalweni ngaphezulu kukaStephens.
Lo nto ibangelwe kukuba iStellenbosch ibihlasela futhi yeyona edale amathuba angcono emdlalweni. Noxa uDe Jong noMojela bengafumananga nto – kodwa bebeyiphethe mantsantsa iSundowns emva.
USales noRibeiro bazenzile iintshukumo besiya phambili. Iinzame zabo ziphelele emoyeni ngoba bagcinwe bekude ezipalini ngabadlali abafana noMcaba noMoloisane. Ekuzeni kuphela kwesigaba sokuqala, uMudau ukhe wakhaba ibhola entle – kodwa yavalwa ngonyawo nguNduli.
Kwisigaba sesibini, uMojela ungcangcazelise umnatha emzuzwini wamashumi amahlanu emva kokufumana ibhola kuDe Jong obethe amadoda wawashiya emile emhlabeni kanozinti ongakwazanga naye ukuyinqanda. Emzuzwini wamashumi amathandathu, uManqoba Mngqithi ufake uKodisang, uMorena noMaboe.
Bekucacile ukuba uzama ukuqinisa indlela ehlasela ngayo iSundowns ebiphehluzeliswa nguDe Jong, uTitus noMojela. Sekusondela ixesha lokuphela komdlalo, uRibeiro ukhe wakhaba ibhola entle ebetheke epalini yabuyela ngaphakathi ebaleni. Iinguqu ziwenzile umahluko ngoba ziyiqinisile indlela edlale ngayo iSundowns ezamileyo – kodwa yala iStellenbosch ephumelele ngegowuli elinye.
Ukuwa kwaMapolisa, kuvula indlela yeWSU All Blacks!