IDowns isinde cebeshu kwiChippa United, eMdantsane

Umlandeli weMamelodi Sundowns, uSive makhuzeni, enika uLinda Shiba iwonga lokuba ngumdlalo oqaqambileyo kumdlalo weMultiChoice Diski Challenge, eSisa Dukashe Stadium. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uDavid Notoane, ugoduke efumbethe inqaku elinye emva kokuba iqela lakhe lifumene igowuli ngemizuzu yokugqibela ngethuba lidlala neChippa United kumdlalo weMultiChoice Diski Challenge namhlanje emva kwemini eSisa Dukashe Stadium.

Amakhwenkwe kaGlen Minnie aziyeke iindwendwe zafumana igowuli emva kokudlala umdlalo omhle ixesha elide kulo mdlalo efumene kuwo amathuba amabini namahle okufaka amanqaku apheleleyo engxaweni.

Umdlalo uqale ngezinga eliphezulu kakhulu, omabini amaqela kubonakala ukuba afuna impumelelo. Liqela lasekhaya, iiChilli Boys, elihlasele zibekwa emdlalweni – kodwa lo mingqandandana yamathuba avele ekuqaleni komdlalo akasetyenziswanga.

Amakhwenkwe kaGlen Minnie, umqeqeshi weChippa United edlala kwiMultiChoice Diski Challenge, ebeyibeka phantsi ibhola kamnandi ngokufanayo neChippa United edlala kwi-Absa Premier Soccer League.

Nayo iMamelodi Sundowns, ebikhokelwa nguRheece Evans odlela iqela elikhulu, idlale ngokuzimisela okukhulu futhi ibonisa ukuba ifuna amanqaku apheleleyo kulo mdlalo.

USimphiwe Mtsweni ngomnye wabadlali abagcine udonga lweChippa United lomelele – kodwa ebekhathazwa kakhulu ngumdlali weDowns obedlala ephikweni.

Ngomzuzu wamashumi amathandathu u-Evans ophose ithuba emva kokuba iDowns ifumene ikona.

ULinda Shiba, umtshini ozitshintshayo weChippa esiswini, ulibeke emnatheni igowuli leChippa United emva kokufumana ibhola entle kwicala lasekhohlo.

Uzamile ukuhlasela u-Eric Ntlaba sekusondela ixesha lokuphumla – kodwa ibhola yakhe yaphuma ecaleni kwepali. IiChilli Boys ziye kwixesha lokuphumla zihamba phambili ngegowuli elinye.

UGregory Damons uphantse wayonzakalisa iDowns, ngelishwa ibhola ayikhabileyo iphume ecaleni kancinci.

Bekufaneluba ifumene amanye amagowuli amabini ukuba uShiba ebewasebenzise kakuhle amathuba awafumeneyo.

Kuthe xa kusondela ixesha lokuphela komdlalo, iDowns, yafaka elayo igowuli lokulinganisa. UShiba, obekhathaza kakhulu, uphantse wayonzakalisa iSundowns ekugqibeleni komdlalo.

UNotoane uvumile emva komdlalo ukuba iChippa ibiyongamele iSundowns ubukhulu becala – kodwa uyalivuyela inqaku elinye kude nekhaya.

“Umdlali ubunzima wona kakhulu kwaye ubonwabisile abantu. Ndicinga ukuba ngabo abafumene amathuba amaninzi kunathi emdlalweni. Ndiphoxekile ngoba asizisebenzisanga ibhola eziphezulu ngoba iChippa ayinamandla kwelo icala – kodwa ekugqibeleni ndiyalithatha inqaku elinye ndigoduke kunohamba nje. Besifuna ukuwuphumelela lo mdlalo ngoba kukho amaqela ezayo emva kwethu, ngoku sincwase ukunqoloba iKaizer Chiefs kumdlalo ozayo,” utshilo uNotoane emva komdlalo.

Umqeqeshi weChippa, uGlen Minnie, imphazamisile emoyeni into yokuphoswa kwamathuba ngabadlali bakhe.

“Khange ndiphatheke kakuhle kukuphosa kwethu amathuba. Xa ungawesebenzisi amathuba kulula ukubethwa liqela odlala nalo. Ukuba ngokuya abadlali bebejongene nonozinti besifumene into, umdlalo ngesiwusonge kudala. Bendifuna amanqaku onke kule mdlalo emva kokusebenza nzima. Umsebenzi wethu ubuzakuthi chatha ukuba besiyibethile iSundowns emva kokubetha amaqela afana neChiefs ne-Orlando Pirates,” utshilo uMinnie.