IDowns ithelekiswe neqela laseJapan

Iintshatsheli ze-Afrika, iMamelodi Sundowns, zithelekiswe noompondo zihlanjiwe baseJapan, iKashima Antlers, kwitumente ebizwa ngokuba yiClub World Cup ebanjelwe kwilizwe laseJapan.

IMamelodi Sundowns ephumelele indebe ye-Absa Premier Soccer League kwisizini edlulileyo ka’2015/16 negqugqise izwekazi le Afrika lilonke kwiinyanga ezimbalwa ezidlulileyo ngethuba ithatha iCAF Champions League okokuqala kulo nyaka – izakuthi ithathe inxaxheba okokuqala kwitumente yamaqela ehlabathi.

UPitso Mosimane – umqeqeshi weBrazillians ozenzele igama elihle ngobukrelekrele bokufunda nokubetha amaqela amakhulu ebholeni – ebenomnqweno wokuvula itumente neqela laseNew Zealand, qha ngelishwa lakhe liye labethiwa, ngoku kufuneka alungiselele iKashima Antlers. Eli qela laseJapan libethe i-Auckland City kumdlalo ophambi kwalo lizakuwudlala neSundowns.

UJingles uthe iqela lakhe akaliboni njengeedyongo nangona liqala ukudlala kule tumente – kwaye ulibona ilithuba eligqebeleleyo eli lokuba abadlali bakhe bazithengise kumaqela amakhulu aseYurophu. Abadlali ekulindeleke batsale umdla wabantu kakhulu ngaba: Keagan Dolly, Khama Billiat, Percy Tau, Leonard Castro noHlompho Kekana.

Emva kokubethwa kweTP Mazeme kwixesha elidlulileyo kolu khuphiswano, iMamelodi Sundowns, inethemba lokufikelela kwimidlalo ophambi kowamagqibela kankqoyi okungenani. Umdlalo ophakathi kweDowns ne-Antlers uzakuba ngeCawe ngo’12:30 ngokwexesha loMzantsi Afrika.