IDowns ityikitye umdlali waseBrazil

Khange iphosize maseko iMamelodi Sundowns emva kokuhamba kukaRamhlwe Mphahlele ngokuthi ivale indawo yakhe ngomdlali omtsha.

Iintshatsheli ze-Absa Premier Soccer League zibhengeze uRicardo Nascimento ngoMvulo kwikhasi lazo lonxibelelwano ebusuku.

Lo mdlali mtsha uzibophelele iminyaka emithathu kweli qela lasePitoli. UNascimento yindoda ekhangeleka ngathi inamava noko enokuthi ifumane nto kuwo iSundowns. Le ndedeba ineminyaka engamashumi amabini anesithoba idlalele iqela lasePortugal elibizwa ngokuba yi-Academica ukusukela ngo’2014, kanti udlalile elizweni lakhe iBrazil kunye naseRomania.

Ngokokutsho kweMamelodi Sundowns lo mdlali uzimisele ukwenza elakhe igalelo elivakalayo njengokuba iqela lakhe lidlala kwiCAF Champions League nakwisizini ezayo yePSL. Kungokunje Amasandawana amatasatasa yimidlalo yeCAF.

Namhlanje iSundowns idlala umdlalo wokuqala weChampions League neqela laseNigeria elibizwa ngokuba yi-Enyimba. Lo mdlali mtsha akanakulifumana ithuba kule imidlalo yeChampions League ngoba akabhaliswanga, kodwa uyakuthi athathe inxaxheba kunyaka ozayo xa iSundowns ibuyela kwakhona nanjengoko iziintshatsheli zePSL.

Lo mdlali waseBrazil kufuneka azimisele kakhulu ukuba ufuna indawo kwiqela likaPitso Mosimane ngoba linabadlali abomeleleyo futhi abadlala ngokuzimisela ngamaxesha onke.

UNascimento kulindeleke ukuba akhuphisane nabadlali abafana nokaputeni uThabo Ntethe, Wayne Arendse – ziintsika zeDowns ke ezo.

pedro.mapelo@inl.co.za