IDowns ivuthulule iFree State Stars

Abadlali beMamelodi Sundowns bevuyela impumelelo yabo. Umfakiso: BackpagePix

UPercy Tau uzityele itheko kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obuphakathi kweMamelodi Sundowns neFree State Stars ophele ngo’4-1 eLoftus Versfeld Stadium emalanga namhlanje.

Lo mdlali siswini ohlaselayo odume ngokufaka amagowuli ubuye namabini kumdlalo wanamhlanje aze amanye afakwa nguLeonardo Castro noKhama Billiat.

Amasandawana akhuphele umsindo kwiqela laseFree State emva kokucanjalaliswa yi-Ajax Cape Town ngo’2-0 ekuqaleni kwale veki eCape Town Stadium.

Nanjengokuba bekulindelekile xa zidlalela ekhaya iintshatsheli ze-Afrika – khange zibenalusini kwaphela kulo mdlalo, zisebenzisa zonke iziqwayi zabadlali abathembekileyo.

Igowuli leFree State Stars lobika ekhaya lifakwe nguThokozani Sekotlong.

Komnye umdlalo iPolokwane City yongeze iingxaki zePlatinum Stars emva kokuyibetha ngo’3-2 kumdlalo wePSL obudlalelwa eRoyal Bafokeng Stadium namhlanje emalanga.

Le mpumelelo inika iCity ithuba lokuthi khebevu kwakhona emva kwemidlalo eliqela ingasafumani iziphumo ezihle.

Kodwa izinto zimbi ngakumbu kule isizini kwiPlatinum Stars ngoba nayo igqibele kudala ukufumana iziphumo ezincumisayo.

Kubusuku bayizolo, iCape Town City, ibethe iBidvest Wits ngo’3-2 kumdlalo wePSL obuseBidvest Stadium.

Ngoku iCity ithe ngcu phezulu kuluhlu lwamaqela adlala kwiPSL. Lo ibingumdlalo wesibini ephulukene nawo iWits kule sizini. Isiqalo sayo besisihle kakhulu kwaye kubonakala ngathi yiyo ezakusokolisa iSundowns kwakhona kule sizini.