IDowns iyifuna phantsi iChippa United!

Umdlalo weTelkom Knockout ophakathi kweChippa United neMamelodi Sundowns ngowona onzima kule mpelaveki. La maqela azakuswantsulisana kumdlalo ozakubanjelwa eSisa Dukashe Stadium – apho iChippa ifumene khona impumelelo yayo yokuqala emva kwemidlalo emihlanu ingafumani iziphumo ezincumisayo kwiPSL.

Ngaphandle kwamathandabuzo, amakhwenkwe kaTebogo Moloi ayakuqonda ukubaluleka kwalo mdlalo kwaye kubalulekile kuwo ukudlala kakuhle emva kokubetha iCape Town City ngo’2-1 kwimpelaveki edlulileyo. Kunyanzelekile abadlali beChippa balwele ukuzophula emdlalweni ozayo ngoba ngokwenza njalo, bayakuthi bafumane amandla wokuphumelela imidlalo ezayo. Eyona nto imbi kukuba iiChilli Boys zindwendwelwa yiDowns esokolayo futhi efuna impumelelo ukuze ibuyele kwimo yayo yesiqhelo.

UPitso Mosimane uzakufuna ukubuyisela ubunganga beSundowns ngokubetha iChippa.

Impumelelo ayifumeneyo umqeqeshi weChippa iyinkuthazo kuye ngakumbi xa elungiselela iqela eliyingozi njengeDowns ekhangela ixhoba enokuliqwenga. Ngethuba ethetha kwiveki ephelileyo, umqeqeshi weChippa uzamkele iziphumo ngoba bekubonakala okokuba yeyona nto anokuthi abonise ngayo ukuba angawenza umsebenzi xa anokuthi afumane ithamsanqa emidlalweni ngoba iqela lakhe akungaba alidlali kakuhle – qha ibhola ayingeni emnatheni. “Mandibulele uThixo kuqala ngokundinika impumelelo namhlanje. Kuthe xibilili kum. Abadlali bayoyika ukuzama amanye amacebo emdlalweni xa izinto zingahambi kakuhle – kodwa ndibaxelele ukuba xa kunjalo, mabasebenzise nendlela le yethu esidlala ngayo ezilokishini,” utshilo uTebza emva kokubetha iCity.

Ukapteni weDowns, uHlompho Kekana, uxelele iSolezwe ukuba benze iimpazamo kwimidlalo edlulileyo. “Kufuneka siyibethe iChippa. Xa ndijonga umdlalo weChiefs nalo waMaZulu asidlalanga kakubi; ingxaki yethu asidlalanga kakuhle emva. Akululanga ukudlala neChippa kowayo. Iyathanda ukugcina ibhola iphinde ihlasele. Kufuneka singazenzi iimpazamo emva kodwa sibe bukhali phambili,” utshilo uKekana.