Iqela loMzantsi Afrika lebhola ekhatywayo, iMamelodi Sundowns, livale umlomo abalandeli be-AS Vita Club abebeyifungele phambi kwalo mdlalo obutak’iintlantsi. Amasandawana abethe i-AS Vita Club ngo’3-1 kumdlalo weCaf Champions league obubukelwe ngabantu abaninzi eStade des Martyrs la Pentecote ngale ntlwa yanamhlanje eDemocratic Republic of Congo. Amagowuli weDowns afakwe sisitshovutshovu esiqale umdlalo namhlanje, u-Anthony Laffor, kwalandela uYannick Zakri noSibusizo Vilakazi. La manqaku mathathu afunyenwe yiSundowns ayibeke phezulu – ngoku izakulinda umdlalo olandelayo kungekho xinezelelo lungako xa idlalela ekhaya. Kulo mdlalo kuye kwanyanzeleka uPitso Mosimane asebenzise abadlali abafana noMotjeka Madisha noLucky Mohomi abangenawo kakuhle amava kwimidlalo yeCaf Champions League ngenxa yokwenzala kwabadlali bakhe.
Iintshatsheli ze-Afrika, iMamelodi Sundowns ne-AS Vita Club zinkulene kwanzima kwisigaba sokuqala esiphele ngo’1-1 kungekho efuna ukoyiswa. Iqela loMzantsi Afrika liphokophele phambili kuqala kulo mdlalo futhi kucaca ukuba injongo yalo inye: kukuphumelela umdlalo qha. Phaya emva uThabo Nthete noMotjeka Madisha baqinisekise ukuba bavala onke amazibukho – logama uTebogo Langerman noThapelo Morena beqinisekise ukuba bayancedisa xa kuhlaselwa yiSundowns.
Nangona iSA Vita ibidlalela ekhaya – kodwa ayikwazanga ukuyongamela iDowns njengeqela elidlalela phambi kwabalandeli balo. Ngokuhamba kwexesha iVita ibenamaxesha okuyixakekisa iDowns phaya emva – kodwa ifike uDenis Onyango ethe qwa. Ngomzuzu wamashumi amabini anesine, u-Anthony Laffor, uvalele igowuli emnatheni ngentloko kwathi cwaka. ULaffor ebeyinkathazo kwiVita – kodwa ebencediswa nguSibusiso Vilakazi noYannick Zakri. Emva kwegowuli, nayo iVita ifumene elokulinganisa ngonyawo lukaSidibe.
kwisigaba sesibini i-AS Vita Club ayikwazanga ukuyibamba iMamelodi Sundowns enyuse umgangatho womdlalo noxa iimeko ebidlalela kuzo bezingaqhelekanga. Umdlalo omhle weSundowns noxinizelelo olufakwe nguLaffor ekinene, uPercy Tau obengumtshutshisi, uSibusiso Vilakazi noLangerman lukhokelele kumagowuli amabini weDowns. Kwimizuzu engephi siqalile isigaba sesibini, uZakri ukhabe ibhola entle emva kwethuba alinikwe ngabadlali beVita phambi kweepali. Emva kwakhe kulandele uVilakazi ngegowuli lesithathu. Impumelelo yayo iDowns iyifumene le mpumelelo nangona abadlali bayo abaphambili bebengekho ngenxa yokwenzakala. Amava aqokelelwe ngabadlali beSundowns kwimidlalo yeCaf Champions League kunyaka ophelileyo abancedile namhlanje xeshikweni bebethela kowayo i-AS Vita Club ethanda ukuba yingxaki kwamanye amaqela kolu khuphiswano.
AS Vita Club: Lukong, Baemeto, Ngonda, Obama, Kasereka, Munganga, Atuba, Ikanga, Etekiama, Sidibe, Mukoko.
Mamelodi Sundowns: Onyango, Nthethe, Madisha, Morena, Langerman, Mohomi, Vilakazi, T. Zwane, Laffor, Tau, Zakri.
Halala, utshatile uMama Joy!