IDowns izibethele iBaroka emdlalweni wePSL, ePeter Mokaba Stadium

Anel Ngcongca of Mamelodi Sundowns and Matome Mabeba of Baroka FC during the Absa Premiership 2018/19 game between Baroka FC and Mamelodi Sundowns at Peter Mokaba Stadium in Polokwane the on 20 April 2019 © Kabelo Leputu/BackpagePix

Amasandawana
afuthela emagxeni we-Orlando Pirates ehleli phezulu kwiPremier Soccer League
emva kokuphumelela emdlalweni wanamhlanje. IMamelodi Sundowns izibethele
iBaroka FC etsala nzima ngamagowuli amabini kwelinye (2-1) emdlalweni we-Absa
Premier Soccer League obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium ngale njikalanga. Amakhwenkwe
kaPitso Mosimane aye ePolokwane ephantsi koxinizelelo kancinci emva kokubethwa
yiSuperSport United ngamagowuli amabini eqandeni (2-0) emdlalweni wePSL obuseLucas
Moripe Stadium ngoLwesithathu kule veki. Ukuphumelela kweSundowns kuyisondeza
kwiPirates ehamba phambili ngamanqaku amathathu kuphela ngoku.

UPitso
uqale umdlalo wanamhlanje ngabadlali abaliqela abangadlalanga eLucas Moripe
Stadium phakathi evekini. Ufake abadlali abafana noSibusiso Vilakazi, obekade
engadlali ixesha elide ngenxa yokonzakala, uThapelo Morena, uMosa Lebusa
noLebohang Maboe. URicardo Nascimento ufake igowuli lokuqala emdlalweni
ngepenela emva kokuwiswa kukaSibusiso Vilakazi endaweni embi. Kuyiwe kwixesha
lokuphumla iDowns ihamba phambili. Kwimizuzu yokuqala kwisigaba sesibini,
u-Onkabetse Makgantai ufake igowuli lokulinganisa. UThemba Zwane ufake igowuli
lesibini leSundowns eliqinisekise impumelelo yayo.

  

Baroka FC: Chipezeze, Ntswane,
Mabeba,  Sibiya, Gebhardt,  Mosele, Chinyenkentere, Makgaka, Makume,
Makgantai, Patjie.

Amalalela: Dlamini, Madubanya,
Ntshumayelo, Ntshumayelo, Dickens, Mongae, Mdantsane.

Mamelodi
Sundowns:

Mweene, Ngcongca, Lebusa, Nascimento, Langerman, Mabunda, Kekana, Vilakazi,
Zwane, Morena, Maboe.

Amalalela: Pieterse, Lakay,
Tade, Coetzee,  Mahlambi, Manyisa, Brockie.