Iqela lesibini
elikhiqiweyo kwiTelkom Knockout ibe yiBloemfontein Celtic ezamileyo ukuxhathisa
emva kokubethwa yiMamelodi Sundowns esokoleyo ngo’1-0 kumdlalo obumhle
ngendlela emangalisayo ngokuhlwa kwanamhlanje eLucas Moripe Stadium.
Amasandawana abe liqela lesibini elingene kumjikelo wesibini weTelkom Knockout emva
kweBidvest Wits ebethe iFree State Stars ngo’1-0 kumdlalo wokuqala obusemalanga
eGoble Park. UGaston Sirino nguye ongcangcazelise umnatha kwisigaba sesibini
somdlalo. ULorenzo Gordinho uchongwe njengomdlali oqaqambileyo emdlalweni emva
kokudlala kakuhle kakhulu emdlalweni nakubeni engakwazanga ukuthintela
impumelelo yeSundowns. Amakhenkwe kaSteve Komphela adlale umdlalo obalekayo,
oya phambili ngaphandle koloyiko.
Bekufaneluba
iSundowns iye kwixesha lokuphumla inamagowuli nokuba mabini – kodwa ayikwazanga
ukuwasebenzisa. Umdlali-siswini, uAndile Jali, obeqale umdlalo namhlanje –
udlale umdlalo omhle kakhulu noxa engakwazanga ukuwugqiba umdlalo ngenxa
yokwenzakala. Unozinti weCeltic, uPatrick Tignyemb, ngomnye wabadlali
abebexakekile kakhulu emdlalweni ngenxa yoxinizelelo obelubekwe kubadlali
beSiwelele ngamadoda afana noSirino, uJali noSilva. Emva kokuya kwixesha
lokuphumla kungekho nto ebhodini. USirino ubeke iDowns endaweni entle ngethuba
efaka ibhola emnatheni emva kokufumana ibhola entle ebisuka kuNascimento
ngasemva. UNdumiso Mabena noVictor Letsoalo bawafumene amathuba okuguqula
izinto emdlalo – kodwa ngelishwa, abakwazanga ukuwasebenzisa amathuba.
ISundowns iphumelele ekugqibeleni ngenxa yamava wabadlali abaqheleneyo
nemidlalo enzima.
Mamelodi
Sundowns: Onyango, Ngcongca, Lebusa,
Nascimento, Langerman, Jali, Kekana, Maboe, Zwane, Sirino, Silva,.
Amalalela: Mweene,
Mabunda, Madisha, Lakay, Mahlambi, Brockie, Meza.
Letlabika, Pfumbidza, Rikhotso, Mabena, Mashikinya, Masuku, Gordinho, Dlamini,
Phalane, Letsoalo.
Amalalela: Dambe,
Sam, Mabasa, Maema, Motshegwa, Shikweni, De Jongh.
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo