iDowns izimisele ukuyiphinda iPetro de Luanda emdlalweni weAfrican Football League

Ibuyela ekhaya umsila uphezulu iMamelodi Sundowns emva kokuba ibethe iPetro de Luanda ngamagowuli amabini eqandeni (2-0) emdlalweni obubanjelwe eAngola izolo emalanga. Umdlalo wayizolo ibingumlenze wokuqala kwemibini eza kudlalwa kwitumente entsha kraca yeCAF ekuthiwa yiAfrican Football League edlalwa ngamaqela aphambili ebholeni yezwekazi le’Afrika. Amagowuli ephumelele ngawo iSundowns afakwe sisiquququ uMarcelo Allande noThapelo Maseko.

Ukuphumelela kwayo iSundowns kuyinika ithuba elihle lokugqithela kumjikelo olandelayo nakubeni kusayiwa emdlalweni wesibini eLoftus Stadium kwiveki evulelwa namhlanje. IPetro de Luanda yakhupha kakubi emdlalweni wesibini iSundowns kwiCAF Champions League kwisizini egqithileyo – kodwa uRulani Mokwena uthe okwenziwe liqela lakhe akakuboni njengokubuyisa isixhiba. “Sibethe iqela elidlala ibhola kakuhle kakhulu,” utshilo umqeqeshi weSundowns emva komdlalo obubanjelwe eAngola.

Amasandawana agxeleshe ukuphumelela indebe yeAfrican Football League emva kokuphoswa ziindebe ezimini eMzantsi Afrika: iMTN8 neCarling Knockout Cup. “Umdlalo wethu kwisigaba sokuqala ubungemhlanga. Sisokole kancinci – kodwa sidlale bhetele kwisiqingatha sesibini,” utshilo uMokwena. Nangona iSundowns iphoswe ziindebe kowayo – kodwa ukuba ingaphumelela iAfrican Football League ekhatshwa yiR75-million – izinto zingantle kakhulu kwicala layo nakubadlali abahleli bebhatalwa kakuhle kakhulu.

“Asikafiki kumjikelo olandelayo. Nizibonile izinto zisenzeka ebholeni abe amaqela ebekhokela ngamagowuli amaninzi. Sijonge umdlalo oza kube useMzantsi Afrika – kodwa siza kuwuthatha ngoba kuqalwa ekuqaleni. Iingqondo zethu sizibeke kuwo – hayi kokwenzeke kulo wanamhlanje umdlalo.Umdlalo wanamhlanje andiwuthathi njengempindezelo ngoba leyo yinto yobumnyama. Ayikho kum lo nto,” utshilo uMokwena izolo emva komdlalo. Ngaphandle kokuphumelela imali eninzi, kungayifunqula ngakumbi iSundowns ukuphumelela indebe efana neAfrican Football League.