IDowns neBaroka zabelene ngenqaku elinye macala eLucas Moripe Stadium

Thapelo Morena of Mamelodi Sundowns clears ball from Jemondre Dickens of Baroka during the Absa Premiership 2018/19 match between Mamelodi Sundowns and Baroka FC at the Lucas Moripe Stadium, Atteridgeville on 11 December 2018 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Amasandawana
alahle amanqaku amabini wonke emva kokubambana ngeqanda neBaroka FC emdlalweni
we-Absa Premier Soccer League odlalelwe eLucas Moripe Stadium namhlanje ebusuku.
IMamelodi Sundowns iphose ithuba lokuqokelela amanqaku apheleleyo
abenokuyisondeza kwi-Orlando Pirates ehleli phezulu kwiPSL emva kokubetha iFree
State Stars ngo’3-1 eGoble Park Stadium namhlanje ebusuku. UPitso Mosimane
unike uAbrey Mngoma ithuba elinqabileyo lokuqala umdlalo. Kanti ezipalini
bekukho uKennedy Mweene endaweni kaDenis Onyango.

Abadlali
beBaroka baye eLucas Moripe Stadium bezithembile kakhulu emva kokuphumelela
indebe yeTelkom ababethe kuyo iPirates emdlalweni obubanjelwe eBhayi kwiveki
ephelileyo. Iqela likaPitso lilo ebelilawula umdlalo futhi lihlasela. UGutson Sirino,
uAndile Jali esiswini noMngoba ngabanye babadlali abathe bayiphatha kakubi
iBaroka. Nakubeni iDowns ibinamandla ebaleni layo – kodwa iBaroka ikwazile
ukudlala umdlalo wayo oqhelekileyo futhi yakwazi ukuyithintela iSundowns kwade
kwasekugqibeleni komdlalo. Umdlalo uphele kungekho qela elifuna ukugoba
uphondo.

Kweminye imidlalo:
iCape Town City
idlale ntanganye ngo’1-1 neChippa United emdlalweni obubanjelwe eCape Town
Stadium. Yona iPolokwane
City ibambene neHighlands Park
ngo’2-2 emdlalweni obuse-Old Peter Mokaba Stadium.


Mamelodi
Sundowns: 
Mweene, Morena,
Arendse, Madisha, Lakay, Kekana, Jali, Maboe, Ngoma, Sirino, Brockie.

Amalalela: Pieterse, Ngcongca, Manyisa, Silva, Mahlambi, Mkhulise, Meza.

Baroka: Chipezeze, Semenya, Banda, Sibiya, Gebhardt, Mdantsane, Mosele,
Makgaka, Chawaphiwa, Sodi, Dickens.

Amalalela: Dlamini, Kgoetyane, Chivaviro, Makgantai, Kgaswane,
Nkausu, Madubanya.