IDowns nePirates zibambene ngamanqaku phezulu kwiPSL!

Hlompho Kekana of Mamelodi Sundowns challenged by Tebogo Makobela of Chippa United during the Absa Premiership 2018/19 match between Mamelodi Sundowns and Chippa United at Loftus Versfeld Stadium, Pretoria on 23 April 2019 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Iqokelele amanqaku
amathathu iMamelodi Sundowns yatsho yalingana ne-Orlando Pirates ehleli phezulu
emva kokubetha iChippa United ngamagowuli amathathu kwamabini (3-2) emdlalweni
we-Absa Premier Socer odlalelwe eLoftus Versfeld Stadium emalanga namhlanje. Kwimpelaveki
egqithileyo, iSundowns ibethe iBaroka FC ngamagowuli amabini kwelinye (2-1)
ePeter Mokaba Stadium. Ukuphumelela kweDowns namhlanje kuyibeke engxakini
iPirates ngoba yona (iDowns) isenomdlalo engekawudlali njengokuba amanqaku
elingana nje ngoku. UPitso Mosimane usebenzise iziqwayi zakhe zabadlali nangona
iqela lakhe linomthwalo wokudlala umdlalo weCaf Champions League obalulekileyo.

Nakubeni bekungekho
balandeli kakhulu ebaleni kuba umdlalo udlalwe phakathi evekini – kodwa omabini
amaqela adlale umdlalo osemgangathweni ophezulu. UClinton Larsen udlalise
abadlali abaninzi abangaqhelanga kudlala. Abanye babadlali abaqale umdlalo
nguMark Mayambela, uTebogo Makombelam uDaine Klate noBangaly Keita.  Emva kokulawula umdlalo, iDowns iye yaphoxwa
kukufakwa kwegowuli nguMayambela. Iguqulwe kwangoko lo nto nguHlompho Kekana
ofake igowuli ngentloko emva kokunikelwa nguGaston Sirino. USibusiso Vilakazi
noSirino bafake amabini. Elesibini leChippa United lifakwe nguManzini onikelwe
ibhola entle nguThabo Rakhale. Unozinti weDowns, uKennedy Mweene uyithintele
iChippa ifuna igowuli lesithathu. Ngoku iChippa esengxakini kufuneka izame
ukuqokelela amanqaku kwimidlalo emithathu eshiyekileyo kule sizini.

 

Mamelodi Sundowns: Mweene, Morena,
Lebusa, Nascimento, Langerman, Kekana, Mabunda, Vilakazi (Madisha), Zwane, Sirino,
Maboe (Coetzee).

Amalalela: Pieterse, Lakay, Tade,
Coetzee, Mahlambi, Manyisa, Madisha.

Chippa United: Mzimela, Makobela,
Keita, Modisane, Tlolane, Malepe, Komane, Mayambela, (Rakhale) Klate
(Mbenyane), Gamildien, R. Manzini.

Amalalela: Mothwa, Twala,
Rakhale, Mbenyane, Lentjies, Malama, L.Manzini.