IDowns nePirates zibangisana ngoJustin Shonga

Justin Shonga of Zambia during 2017 Cosafa Castle Cup match between Zambia and Tanzania at Moruleng Stadium in Rustenburg on 05 July 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Ifolosi
entsha ye-Orlando Pirates kuthiwa ityikitye izivumelwano zengqesho namaqela
amabini aphambili eMzantsi Afrika. UJustin Shonga, 20, ubhengezwe yiBucs phambi
kokuphela kweveki ephelileyo njengomdlali wayo omtsha. Kule veki kuthe qhaph’
gqi umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uPitso Mosimane, esithi lo mdlali waseZambia
– unesivumelwano neqela lakhe. Amasandawana athi le folosi yavumelena (nawo)
emva kokuthatha inxaxheba kwiCosafa Cup edlalwe kwiinyanga ezimbalwa
ezidlulileyo apha ku-2017.

“Kukho into
engaqondakaliyo ngoJustin. Weza apha kwiSundowns; sathetha naye. Sakubona ke
ukuba izakuphelelaphi ngoba kukho izibophelelo zomthetho enazo le nto. Kodwa
ndingatsho okokuba uJustin wayelapha futhi samtyikitya. Ndiza kuwuphosa
kubaphathi beqela lo mba ukuze babone ukuba benzani,” utshilo uPitso
ngokwengxelo ekhutshwe liSolezwe.

Okwangoku
akukacaci nokuba akhona na amanyathelo ayakuthi athathwe yiMamelodi Sundowns.
Kwelayo icala iPirates ikhanyele ukuba iyazi ukuba lo mdlali watyikitywa
yiSundowns. “Akukho nto ndiyaziyo ngokutyikitywa komdlali yiSundowns. Into
endiyaziyo kukuba uJustin ngumdlali wethu,” utshilo uFlyod Mbele kwiSolezwe.

Umphathi walo
mdlali, uMichael Ngobeni, uzichithile iingxelo ezingokutyikitywa komdlali wakhe
ngamaqela amabini, watsho esithi umdlali wonwabile kwiPirates.