IDowns nePirates zikhubekile kwiChamps League!

UVincent Pule weOrlando Pirates akakwazanga ukuyisindisa kwiEsperance ephumelele umdlalo weCAF Champions League ngoLwesibini wale veki eTunisia

Le ibiyiveki embi emaqeleni ebhola aseMzantsi Afrika. Omabini adlala kwiCAF Champions League abuyele ekhaya engaphumelelanga.

Amaqela amele ilizwe yiOrlando Pirates neMamelodi Sundowns. EZimnyama zibuye nelize emdlalweni eziwudlale eStade El Menzah Stadium emva kokubethwa ngamagowuli amabini eqandeni (2-0) yiEsperance yaseTunisia. AmaBhakaniya antingele emantla weAfrika ngorhatya emva kokudlala ntanganye ngegowuli elinye macala neKaizer Chiefs emdlalweni weAbsa Premier Soccer League obubanjelwe eFNB Stadium ngoMgqibelo odlulileyo.

Umdlalo wePirates khange uncumise kwaphela. Kubonakele ngathi ukungaphumli kwabadlali ngokwaneleyo phambi komdlalo kubenomthelela kakhulu kwindlela iqela elidlale ngayo.

Ukungadibani komdlalo wePirates kuye kwabeka uxinizelelo kuWayne Sandilands okuye kwanyanzeleka okokuba avale iibhola ezimbi.

Indlela elidlale ngayo iqela laseTunisia iye yacacisa ukuba lifuna ukuwuthathela kulo umdlalo.

Libhalise ebhodini ngomzuzu weshumi elinesihlanu kwisiqingatha sokuqala somdlalo ngebhola efakwe nguAnice Badri. Igowuli lesibini lifakwe ekuzeni kuphela komdlalo ngenqina likaHaythem Jouini onikwe ibhola entle nguBadri.

Ukubethwa kwePirates kuthetha ukuthi isukile kwindawo yokuqala, ngoku ikwindawo yesibini kwaye kufuneka iqinisekise ukuba iqokelela amanqaku apheleleyo kwimidlalo kaGroup B kwinyanga ezayo.

Kwelinye icala, iMamelodi Sundowns ibuye iphethe umnqongo wenqaku elinye emva kokubambana ngeqanda ne-ASEC Mimosas emdlalweni weCAF Champions League obudlalelwa eFelix Houphouet-Biogny Stadium ngokuhlwa kwangoLwesibini wale veki.

Nakulo umdlalo, iqela ebelidlalela ekhaya lelona ebelinamandla – kodwa ke iSundowns ikwazile ukuxhathisa kwade kwasekugqibeleni.

Emva kokuphumelela ekhaya, iDowns iye kwiMimosas inganyanzelekanga ukuba iphumelele.

Ngoku isahleli phezulu ngamanqaku asixhenxe – kanti yona iMimosas ikwindawo yesithathu.

Ukuze aqinisekise iindawo zawo amaqela aseMzantsi Afrika kumjikelo olandelayo weChampions League – kufuneka alwe ngamandla kwimidlalo elandelayo.