IDowns neVita zibambene ngelinye eLucas Moripe Stadium

Thabo Nthethe of Mamelodi Sundowns scores his goal during the 2017 CAF Champions League match between Mamelodi Sundowns and AS Vita at the Lucas Moripe Stadium, Atteridgeville South Africa on 09 July 2017 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Mamelodi Sundown 1

AS Vita Club 1

IMamelodi Sundowns ibambene ngegowuli elinye macala ne-AS Vita Club kumdlalo obushushu weCaf Champions League obudlalelwa eLucas Moripe Stadium kobu busuku. UThabo Ntethe, obengukapteni endaweni kaHlompho Kekana obengekho, nguye oze negowuli laMasandawana kwisiqingatha sokuqala. Namhlanje iqela lasePitoli lidlale kamnandi ebaleni elinabantu emva kokungeniswa kwabo simahla ebaleni yiSundowns. IMamelodi Sundowns iye kwixesha lokuphumla ifumbethe igowuli elinye elifakwe nguThabo Ntethe kumzuzu wamashumi amathathu anesihlanu. Lo kaNtethe unikelwe ibhola esendaweni entle, uthathe ngokuyibeka ekoneni yahlokoma iLucas Moripe Stadium ebigcwele ngabalandeli beSundowns. Ukudlala ne-AS Vita Club kuyivavanyile iDowns phaya emva ngoba abadlali bayo bebenkqonkqoza qho nangona bengadanga bafumana ithamsanqa. UKennedy Mweene unqande iibhola ezimbalwa eziphantse zamonzakalisa – kodwa ubukhulu becala uMadisha noNtethe benze umsebenzi omhle kakhulu. Phambili uPercy Tau, uSibusiso Vilakazi, uYannick Zakri no-Anthony Laffor bayigcine ixakekile iVita – nto leyo ibangele ingayi phambi ngamandla wayo onke.

Pedro Mapelo's photo.Percy Tau of Mamelodi Sundowns challenged by Landu Makiese (16) and Ngonda Muzinga of AS Vita during the 2017 CAF Champions League match between Mamelodi Sundowns and AS Vita at the Lucas Moripe Stadium, Atteridgeville South Africa on 09 July 2017 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Kwisiqingatha sesibini iDowns iqale apho ibiyeke khona kwisiqingatha sokuqala. Bekucace gca ukuba amakhwenkwe kaPItso Mosimane azingela igowuli lesibini ezakuvala ngalo nangona lo mdlalo ungabalulekanga kuyo kangako kuba seyizibekele indawo kumjikelo olandelayo weChampions League. UTau noZakri bawafumene amathuba okubhalisa ebhodini – kodwa unozinti weVita ebethe qwa ngamaxesha onke. Kumzuzu wamashumi asixhenxe umdlali ophambili kwiVita ogama lingu-Atouba ungcangcazelise umnatha emva kokufumana ibhola eyedwa. Abadlali beDowns bayazisola ngokuqinisekileyo emva kokungakwazi ukuchitha ngokupheleleyo ibhola ebisuka ekoneni. Nangona ibiphantsi koxinizelelo iVita Club – kodwa abadlali bayo bakwazile ukudlala umdlalo ophucukileyo. Emva kokuba iSundowns ifumene inqaku elinye kulo mdlalo, ngoku izakulungiselela imidlalo ebalulekileyo yesigaba esilandelayo seCaf Champions League ekulundeleke ilwele ukuyikhusela.

 

Mamelodi Sundowns:  Mweene, Morena, Nthethe, Madisha, Hachi, Soumahoro, Mbekile, Vilakazi, Tau, Laffor, Zakri.

AS Vita Club: Bongaman, Bangala, Omba, Traore, Muzinga, Botuli, Sidibe, Atouba(scorer), Dido, Muzungu, Agiti