IDowns neWits zilwela indawo yokuqala kwiPSL

UThemba Zwane kulindeleke akhokele iMamelodi Sundowns xa idibana neBidvest Wits emdlalweni weAbsa Premiership 2017/18 ngoMgqibelo eBidvest Stadium umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Kufuneka basebenze ngokuphindeneyo abadlali beMamelodi Sundowns ngempelaveki xa bedlala neBidvest Wits emva kokuba iphose ithuba elihle lokuya kwindawo yokuqala phakathi evekini.

Amasandawana abambene ngegowuli elinye macala (1-1) nePolokwane City emdlalweni weAbsa Premier Soccer League obumhle eLoftus Versfeld Stadium.

Ngokwenza njalo, iSundowns iphose ithuba lokususa iWits kwindawo yokuqala.

Nangona iziphumo zomdlalo waphakathi evekini zingamncumisanga uPitso Mosimane, kodwa uzamkele ngoba iqela lakhe liyiyekile iPolokwane yafaka igowuli lokulinganisa.

“Ayisonwabisanga into yokungawafumani onke amanqaku nangona abadlali bedlale kakuhle. Bazamile abadlali kodwa uGeorge Chigova [unozinti] noogxa bakhe bebezimisele emdlalweni. Kufuneka silamkele inqaku elinye noxa siphulukene namabini. Inqaku elinye liza kusinceda ngoba ukhuphiswano lwendebe yePSL lusaya phambili,” utshilo uPitso emva komdlalo.

Bekukho ithemba lokuba iSundowns iya kukwazi ukongeza kwigowuli elifakwe nguThemba Zwane kwisiqingatha sokuqala kodwa ngelishwa, uDenis Onyango, ubhutyuze ibhola sele isesandleni yangena phakathi.

Impazamo eyenziwe ngunozinti yamkelwe kakuhle nguPitso Mosimane othe okwenzekileyo kuqhelekile ebholeni.

“Unozinti ophambili eAfrika wenze impazamo enkulu. Yenzeka impazamo sidlala neHighlands Park. Kulungile, ezi zinto ziyenzeka. Siyamthanda uDenis ngoba usihlangule sidlala neMimosas,” utshilo uPitso.

Ngentsimbi yesithandathu emalanga ngoMgqibelo, iSundowns neWits ziza kulwela indawo yokuqala eBidvest Stadium.

Ishiywa ngamanqaku amabini iDowns esenemidlalo yiWits ehleli phezulu.

Umdlalo uza kubanzima ngoba nayo iWits izimesele ukuhlala enkcochoyini yePSL futhi ayizukuvuma ukubethelwa ebaleni layo.