IDowns yenze umtsi omkhulu kwiCaf Champions League

Sibusiso Vilakazi celebrates his goal with Anthony Laffor and Thapelo Morena of Mamelodi Sundowns during the Absa Premiership match between Mamelodi Sundowns and Highlands Park at the Loftus Stadium in Pretoria on the 27 November 2016©Samuel Shivambu/Backpagepix

Iintshatsheli zeCaf Champions League, iMamelodi Sundowns, ziqinisekile indawo yazo kumjikelo olandelayo emva kokudlala ntanganye ngo’1-1 neKampala City Council kumdlalo wesibini obunzima kakhulu ePhillip Omondi Stadium ngenjikalanga yanamhlanje. Ukudlala ntanganye kwala maqela kuthetha ukuthi iSundowns idlulela kumjikelo olandelayo weChampions League ngo’3-2 emva kwemidlalo emibini. Iqela loMzantsi Afrika lasebenza kakhulu ngethuba liphumelela ngo’2-1 kumdlalo wokuqala obuphakathi kwala maqela kwiveki ephelileyo eLucas Moripe Stadium.

Igowuli elincede iSundowns kulo mdlalo wanamhlanje lize nesitshovu-tshovu saseLiberia, u-Anthony Laffor, ngomzuzu wamashumi asibhozo kwisigaba sesibini somdlalo emva kokungena endaweni ka-Anele Ngcongca. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iKCC inkqenkqeza phambili ngo’1-0 emva kwegowuli elifakwe ngumdlali okhathazayo kakhulu uGeofrey Serunkuuama – ikwangulo mdlali owafaka igowuli leKampala City ngethuba idlalela eMzantsi Afrika kwiveki ephelileyo.

Kuyiwe kulo mdlalo iKampala ifuna nje igowuli ekhayeni ukuze ilingane neSundowns emva kokuba yafumana igowuli elibalulekileyo ePitoli – lo nto iyikhuthazile ukuba isukele iiBrazilians zisuka emdlalweni ifanelekile kuba ikhuthazwa nakudlalela enkundleni yayo. Ngethamsanqa layo iKampala City, iye yavuzwa ngegowuli emva kwaloo migudu yenziwe ngabadlali bayo – kodwa iSundowns izicacisile into ebhenqe ngayo kulo mdlali ngokuthi ifake igowuli eliyinike amandla okuya phambili kolona khuphiswano lubalulekileyo lwamaqela ebhola ekhatywayo kwizwekazi le-Afrika.

Iinguqu ezenziwe nguPitso Mosimane kwisiqingatha sesibini zisebenzile – ufake uLaffor noMzikayise Mashaba – kubanakala ngathi zezona ezithe zenza umahluko kulo mdlalo. Amakhwenkwe kaPitso azimisele ukuphinda indlela okanye into ayenze kunyaka ophelileyo [2016], unyaka iDowns ephumelele ngawo indebe yeCaf Champions League okokuqala kwimbali yayo, ilandela emva kwe-Orlando Pirates eyathatha le ndebe ngo’95.

KCCA: Ocan, Okot, Kavuma, Awany, Ochaya, Mutyaba, Kirabira, Mucureezi, Okello, Majwega, Serukuuma

Sundowns: Sandilands, Ngcongca (Laffor 46′), Nascimento, Arendse, Langerman, Kekana, Mabunda (Mashaba 71′), Morena, Zwane, Zakri, Tau.