Iduda ndawonye etshobeni iChiefs esinde kwiGallants ingaphelelanga

UMahlatse Makudubela waMarumo Gallants noZitha Kwinika weKaizer Chiefs emdlalweni weDStv Premiership obuseRoyal Bafokeng Stadium namhlanje. Umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Amakhosi akaphumelelanga kwakhona imidlalo elandelelanayo. Namhlanje abambene neMarumo Gallants ngegowuli elinye macala (1-1) emdlalweni weDStv Premiership obudlalelwa eRoyal Bafokeng Stadium ngale njikalanga. Inqaku elinye liyifunqulele phezulwana iMarumo Gallants ebihleli ekugqibeleni – kodwa yona iKaizer Chiefs isaduda endaweni enye etshobeni weDStv Premiership emva kwesixhenxe semidlalo. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iGallants iphala phambili ngegowuli elinye eqandeni. Akothusanga oko ngoba idlale umdlalo omhle kakhulu kwaye ilisebenzise kakuhle ithuba elifumeneyo.

Amakhosi aphose ithuba elihle lokukhokela ngethuba uSekgota esoyiswa kukufaka ibhola ejongene no-Ismail Watenga kuphela. Igowuli leMarumo Gallants lize noMahlatse Makudubela ozidlalele ibhola esizikithini sebala akugqibe washiya abantu wafumana ibhola ebilantywe kuye nguNdlondlo. Kuye kwanyanzeleka ukuba uArthur Zwane aqwebe amaqhinga amatsha ngoba bekuvele kwacaca ukuba iqela lakhe ngeke likwazi ukufaka igowuli lula nakubeni amathuba ebekhona. UBonfils-Caleb Bimenyimana no-Ashley Du Preez akukho nto ingako abakwazileyo ukuyenza ngoba bebegadiwe kakhulu.

Idlale ngabadlali abalishumi iMarumo Gallants emva kokuba uOlivier Toure enikwe ikhadi elibomvu ngenxa yokudlala kakubi uDu Preez. Lo nto yongeze umthwalo kubadlali abashiyekileyo ebaleni. Khange kucace nokuba abaphelelanga abadlali beGallants ngoba bebezimisele kakhulu ebaleni. Kubonakele ngathi baza kulikhusela igowuli labo elinye kwade kwangumzuzu wamashumi asibhozo anesithandathu ngethuba iZitha Kwinika efaka igowuli leChiefs. Besekunzima kakhulu ngelo xesha, iGallants yalile ukubethelwa ebaleni layo. Amakhosi agoduke egoqoza negowuli elinye ngokufanayo nasemdlalweni abambene kuwo naMaZulu kwiveki ephelileyo.

Marumo Gallants: Watenga, Hlatshwayo, Mabotja, Toure, Khiba, Manaka, Ndlondlo, Ngema, Makudubela, Dion, Otladisa.

Amalalela: Arubi, Ravhuhali, Maraisane, Koapeng, Mphambaniso, Yidah, Mokgope, Gumede.

Kaizer Chiefs: Khune, Solomons, Njabulo Ngcobo, Kwinika, Hlanti, Matlou, Maart, Sithebe, Du Preez, Sekgota, Dolly

Amalalela: Petersen, Mathoho, Blom, Nange, Mashiane, Radebe, Dove, Mahlatsi, Bimenyimana.