iFIFA ithe nka ngesigwebo esiqatha iTS Galaxy ngomdlali ongazange adlale

UTim Sukazi ngumnikazi weTS Galaxy edlala kwiDStv Premiership.

Njengokuba ivuliwe inyoba yokuthengwa kwabadlali ngamaqela adlala kwiPremier Soccer League, yona iTS Galaxy ayizukwazi emva kokuvalwa kwayo ngumbutho olawula ibhola ekhatywayo kwihlabathi, iFIFA. Iindaba zokuvalwa kweTS Galaxy zivele ekuqaleni kwale veki ngoMvulo emalanga.

Kuthiwa ingxaki idalwe yiTS Galaxy engazange imbhatale umdlali ogama linguBernard Yao Kouassi wase-Ivory Coast. Iingxelo zithi uKouassi wafika eMzantsi Afrika ekuqaleni konyaka ophelileyo – kodwa wahamba engadlalanga namnye umdlalo kwiTS Galaxy.

Ngenxa yokungambhatali uKouassi, iTS Galaxy ivaliwe kwicala lokutyikitya abadlali abatsha kude kube ngunyaka ozayo. Ukuze iqela likaTim Sukazi likwazi ukuthenga abadlali, kufuneka libhatale umdlali onengxaki imali eyiR1.8-m. Le yingxaki enkulu ejamelene neTS Galaxy eqhube kakuhle kwisizini egqithileyo.

Phantsi kukaSead Ramovic, iTS Galaxy ivale isizini ihleli kwindawo yesine emva kweMamelodi Sundowns, Orlando Pirates neStellenbosch FC. Ngaphezulu koko, iTS Galaxy iphantse yafumana indebe yeCarling Knockout eyawela kwiStellenbosch kwiipenela.

Kwiminyaka egqithileyo, iKaizer Chiefs yazibhaqa ikwembi ingxaki emva kokuba yamangalelwa liqela laseMadagasca elalikhala ngokungabhatalwa imali eliyifaneleyo ngomdlali walo. Waphela unyaka iChiefs ibukele amanye amaqela ethenga abadlali.

Kanti kwisizini ephelileyo, iRoyal Am ayikwazanga ukuthenga abadlali emva kokuvalwa yiFIFA ngenxa yokungabhatali uSamir Nurkovic ongumdlali ophambili kwiTS Galaxy ngoku. Ngoko wayesuka kwiChiefs – kodwa zange adlale kangako kwiRoyal Am wahamba ngenxa yokonzakala okwamkhonkxa ixesha elide engenzinto.

Ethetha nesikhululo sikanomathotholo eMpumalanga, uTim Sukazi uthe kunyanzelekile bambhatale uKouassi njengokuba isitsho iFIFA. Ucacisile kekambe ukuba isivumelwano seqela lakhe noKouassi asinaso isibophelelo ngoba zange abhaliswe nakwiPSL.

“Sixakene notsotsi apha. Sachitha iR40 000 ukuya kwiR50 000 sizama ukufumana amaxwebhu okusebenza kwakhe – kodwa sanyanzeleka ukuba isivumelwano sakhe sisiqhawule ngoba zange afumane amaphepha amkhululayo kwiqela lakhe langaphambili. Ayimnandanga indlela iFIFA eyichophela ngayo imiba enje. Siza kuyibhatala imali kwiFIFA ukuze iTS Galaxy ingavalwa,” utshilo uSukazi.