Kubonakala ngathi umtshato phakathi kukaSurprise Moriri neMamelodi Sundowns ufikelele esiphelweni emva kwengxelo ethi isivumelwano sakhe sengqesho asizukuhlaziywa.
Isivumelwano seMamelodi Sundowns noMoriri sifikelele esiphelweni ukuphela kwenyanga edlulileyo. Isolezwe lixelelwe ngumthombo walo othembekileyo ukuba uMoriri ngekhe aphinde akwazi ukuyidlalela iSundowns. “Ngeke sivuselelwe isivumelwano sikaMoriri. Umba wakhe ufana ncamashi nowalowo wayedlalela eli qela * -Esrom Nyandoro owanyanzeleka ukuba anikezele ekugqibeleni. Ingxaki ngoMoriri kukuba uzibona esengumdlali futhi akazimiselanga kuthatha mhlalaphantsi.
Okumnandi ngaye kukuba uyazilungiselela ngokuzifundisa izifundo zokuqeqesha [Safa Licence] futhi oyilondoloza kakuhle imali yakhe. Mna ndicinga ukuba usakufanele ukudlala ibhola ngoba usenayo yona nangona abaqeqeshi bengaboni njalo,” utshilo osemfuthweni wolwazi.
UMoriri, oneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu, ngoyena mdlali uhleli ixesha elide kwiSundowns xa ethelekiswa naba bakhoyo ngoku, kwaye umsebenzi wakhe uyabonakala.
Le ndedeba yafika kwiMamelodi Sundowns ngo’2014 isuka kwiSilver Stars eyathi yatshintshwa yayiPlatinum Stars ekufikeni kwayo kwi-Absa Premier Soccer League. Kweli qela udlale iminyaka elishumi elinambini, ufumene iindebe zePSL zane, iindebe zeNedbank ezimbini, iTelkom Knockout neSAA Super Eight.
Kanti akuphelelanga apho ngoba ulidlalele iqela lesizwe nangona abaqeqeshi bebengamsebenzisi ngokwaneleyo xa ebiziwe. UThulani Thuswa, ojongene nezonxibelelwano, uthe: “UMoriri akasenaso isivumelwano neSundowns, ngoku kunzima ukuthetha ngaye ngenxa yalo nto.”
Isolezwe liphinde laphosa imibuzo ngomba kaMogakolodi Ngele noCuthbert Malajila abafunwa yiBidvest Wits. “Iingxoxo zihamba kakuhle kakhulu phakathi kweSundowns noSibusiso Vilakazi. IWits ifuna abadlali bethu kodwa oko kuxhomekeke ebadlalini abachaphazelekayo. Ngabo ababambe lo mcimbi kaVilla,” utshilo uThuswa.
iEFF imenywe kwimibhiyozo yeMK Party