Ifikile imini yeWafa Wafa!

GV of the trophy during 2017 MTN8 match between Kaizer Chiefs and Supersport United at Moses Mabhida Stadium, Durban South Africa on 12 August 2017 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Umdlalo wamagqibela
kankqoyi weMTN 8 ophakathi kweSuperSport United neCape
Town City

oseMoses Mabhida Stadium ngo’19:00 ngoMgqibelo uzakunika umdla kakhulu ngenxa
yongqokelela yezinto ezininzi. Phakathi kwezo zinto kukuba kudibana amaqela
adlala kakuhle, afuna ukuzenzela igama kwibhola yelizwe nje ngokubanzi kwaye
anabaqeqeshi abalangazelela impumelelo. Ukudibana kuka-Eric Tinkler neqela
alincedileyo kwisizini edlulileyo kungayingxaki kuBenni McCarthy ofike wenza
isivungu-vungu kwiPSL ngokuthi athathe iqela alibeke kwindawo elikuyo ngoku
kungaphelanga kungaphelanga neenyanga ezimbini kwisizini yakhe yokuqala
njengomqeqeshi.

UTinkler
ushiye iCity kwiinyanga ezidlulileyo kuba esithi kwiSuperSport unethuba
lokufumana iindebe – eyona nto iphambili kuye njengokuba engumqeqeshi osazama
ukwakha igama lakhe. Ukucwangcisela lo mdlalo yinto engenoba nzima kakhulu
kuTinkler ngoba udibana neqela alaziyo nawaphumelela ngalo indebe kunyaka
ophelileyo. Kodwa kufuneka ahlabe ekhangele ngoba uMcCarthy ufike wamilisela eyakhe
indlela yokudla kwaye unxanelwe impumelelo.

ICity ifuna
impumelelo kulo mdlalo emva kokuqala kakhuhle isizini. Umqeqeshi uzakuthembela
kubadlali abafana no-Ayanda Patosi, uShu-Aib Walters noRobyn Johannes abamava
adingekayo kwimidlalo enje ngalo. Kunyanzeleka iCity igade uJeremy Brockie,
uReneilwe Letsholonyane noThuso Phala ngoba ngabona banefuthe kakhulu
kwiSuperSport. Amatsatsantsa analo ithuba lokuphumelela ngenxa yamava nabadlali
abakumgangatho ophezulu.

Umhlalutyi
wezemidlalo uSinesipho Mali
uthi iSuperSport iya emdlalweni ikhuthazekile ngenxa yomsebenzi ewenze kwiCaf
Confederation Cup. “ISuperSport inamandla ngenxa yendlela eqhuba ngayo kwiCaf,
yona iCity ikwazile ukuqingqa emva kokubethwa. La maqela anabadlali abanamava,
indlela adlala ngayo ayohlukanga kuyaphi – kodwa ndicinga ukuba amagowuli ngeke
ohlukane kakhulu,” utsho uMali.